Ukusukela ngoLwesihlanu, amapolisa aseNelson Mandela Bay abenempelaveki exakekileyo. Ngenxa yokwanda kolwaphulo-mthetho, abantu baphila ngoloyiko. Nangona kunjalo, izaphuli-mthetho ziphefumla ngenxeba ngenxa yeenzame zamapolisa zokunqanda ulwaphulo-mthetho.
Xa abarhanelwa abathathu abatyholwa ngokuqweqwedisa iimoto kuthiwa baphanga umqhubi wejikeleza waseNew Brighton ngoLwesihlanu, umhla wama-26 kuCanzibe, 2023, babanjwa ngoko nangoko. Ummangali kuthiwa ebeqhuba kwisitalato iNorongo, eNew Brighton, ngentsimbi ye-19:40 ngethuba emiswa yindoda engaziwayo icela ilifti. Waphinda wamiswa ngamadoda amabini endleleni nawo acela ilifti. Kwiikona zesitalato iNtshekisa neNorongo, omnye wabakhweli utsale umpu wawukhomba kummangali.
Ummangali ebesingise ngakwisikhululo samapolisa eNew Brighton ngethuba ezama ukujikela kumasango esi sikhululo kodwa woyisakala waza wagquluza kwipali yesibane, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg.
UJanse Van Rensburg uqhubeleka nokucacisa ukuba ngethuba besabela kule ngozi, amalungu eSAPS New Brighton ebesebenza kwiziko lenkonzo yoluntu abhaqe umrhanelwa omnye engaphakathi emotweni.
Amapolisa aleqa abanye abarhanelwa ababini njengoko babeqhwesha ngeenyawo. Omnye umrhanelwa ubanjwe kwisitalato iMasangwana. Kwakhona kufunyenwe umpu. Umrhanelwa wesithathu wabanjwa ngamagosa othintelo lolwaphulo-mthetho eSAPS New Brighton xa wayezimele kwindlu ekwisitalato iFunde.
Abarhanelwa abathathu, abaphakathi kweminyaka eyi-19 ukuya kwama-22 ubudala, baye bavalelwa ngezityholo zokuqweqwedisa iimoto. Umpu kamva kwafunyaniswa ukuba ngumpu werhasi (gas pistol).
Kwisiganeko esahlukileyo, icandelo lokuLwa uLwaphulo-mthetho kwiSithili iNelson Mandela laligadile kwisitalato iAddo eMarkham kuCanzibe, umhla wama-27 kuCanzibe, ngentsimbi ye-00:01. Ngethuba bekwisikhululo sepetroli, babone umrhanelwa obefunelwa ityala lokubulala elenzeke eMotherwell ngeyeNkanga ka-2022. Umrhanelwa wayeqhuba iVW Polo engwevu.
“Njengoko amapolisa esondela kwisithuthi, umrhanelwa uzame ukugquluza eli lungu laza langqubana nomva wemoto yeSAPS. Kudutyulwe izithonga ezimbini zesilumkiso kumavili, nto leyo ebangele ukuba isithuthi singqubane nempompo yepetroli. Umrhanelwa (30) wabanjwa ngezityholo zokuzama ukubulala, ukuqhuba ngokungenankathalo, ukonakalisa impahla ngenjongo ekhohlakeleyo netyala lokubulala elavulwa ngeyeNkanga ka-2022,” utshilo uJanse Van Rensburg.
KwaNobuhle, umrhanelwa wasetyhini oneminyaka engama-30 ubudala naye ubanjiwe ngokuhlaba wabhubha isinqandamathe sakhe. Kutyholwa ukuba umfi nentombi yakhe bebesilwa ngoMgqibelo umhla wama-27 kuCanzibe ngezithuba zentsimbi ye-12:30 kwisitalato saKwaNobuhle eKiva. Umfi uLonwabo Nyike (38) uhlatywe kwakanye esifubeni ngumrhanelwa wasetyhini. Umrhanelwa wabanjwa emva kokuvulwa kwetyala lokubulala.
Kule veki bonke abarhanelwa ababanjiweyo bavela kwiinkundla zikamantyi ezahlukeneyo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?