Izilumkiso zobushushu obugqithisileyo kunye nemvula ephazamisayo

Inkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika ilumkise ngobushushu obugqithisileyo kunye neemvula eziphazamisayo kwiindawo ezithile zoMzantsi Afrika kwezi ntsuku zizayo.

Inkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika (SAWS) ikhuphe isilumkiso malunga nobushushu obugqithisileyo kwiindawo ezithile zeMpuma Koloni ukusuka ngomhla wokuqala ukuya kowesine kweyoMqungu.

Ngokwengxelo yeSAWS, kulindeleke iqondo lobushushu obuphezulu kwiindawo ezisemantla eMpuma Koloni ukusuka ngoLwesithathu ukuya kutsho ngoMgqibelo.

Kubekho isilumkiso senqanaba lesibini elikhutshiweyo malunga nemvula ephazamisayo ekulindeleke ukuba ichaphazele iindawo ezahlukeneyo zelizwe ukusukela ngomhla wokuqala kweyoMqungu.

Iindawo zelizwe ekulindeleke ukuba zichaphazeleke ziquka: iGauteng, intshona yeLimpopo, iMpumalanga (ngaphandle kweLowveld), impuma yePhondo loMntla Ntshona, iFreyistata kunye nemimandla ekumntla-ntshona weKwaZulu-Natal.

I’SAWS ilumkise ngelithi ngenxa yemvula ephazamisayo, izikhukhula kulindeleke ukuba zichaphazele izindlu kunye namatyotyombe okanye iindlela, iindawo ezisemazantsi kunye neebhulorho.

Imvula ephazamisayo inokubangela iimeko ezinzima zokuqhuba kwiindlela zomhlaba nakwiindlela ezinkulu ngenxa yokungaboni kakuhle kwakunye neendlela ezimtyibilizi. Imvula isenokubangela ukuphazamiseka ekuhlaleni kwexesha elifutshane kwiinkonzo ezibalulekileyo ezifana nombane. Kulindeleke ukuba kubekho umonakalo owenzekayo kwizindlu ezakhiwe ngodaka.

Imvula kunye neendudumo zilindeleke kumbindi kunye nakwimimandla esempuma yelizwe ngomhla wesibini kweyoMqungu, ngokutsho kweSAWS.

Kulindeleke ukuba imozulu emanzi iqhubeke ukuya kutsho ngoLwesihlanu nangoMgqibelo – kukho iimvula kwakunye neendudumo eziya kuthi zehle embindini, kwimimandla esempuma yeli lizwe equka unxweme olusemazantsi eNtshona Koloni ngoMgqibelo.

Le ngxelo ivele okokuqala kwi-IOL.