IYIQINISILE imithetho ipalamente yeli ngeliphepha ukuphazamiseka kwakhona xa umongameli weli uJacob Zuma ezakube esothula intetho yelizwe ngolwesine weveki ezayo.
Oku kulandela emva kokuba umbutho wezopolitiko kweli i-EFF igrogrise ngelithi izakuphazamisa intetho kaZuma kwakho.
I-EFF ithi ifuna iimpendulo ngesigqibo sikamongameli Zuma sokugxotha uNhlanhla Nene njengomphathiswa wemali. UZuma wafaka uDavid van Rooyen endaweni kaNene ngaphambi kokuba anyanzeliswe yimeko yezoqoqosho ukuba abuyisele uPravin Gordhan kwesi sikhundla.
Amagosa aphezulu kwipalamente yeli aqinisekise ngelithi azakugunyazisa imithetho yale ndlu yowiso mthetho ebipasiswe ngoNovemba wonyaka ophelileyo.
Unobhala wepalamente uGengezi Mgidlana ubike ukuba le ndlu seyikulungele ukusingatha intetho kamongameli Zuma. Ukwathe ukhuseleko liluqilima ukuze kungabikho zingxwelerha ngale mini. “Lelona suku libalulekileyo kweli, ngoko ke ukhuselo nokhuseleko likumgangatho ofanele le mini,” utshilo uMgidlana.
Ukwathe oku kwenzelwe iindwendwe ezibekekileyo nezimenyelwe ukuzimasa le mini. UMgidlana uthe, akukho magosa ezokhuseleko ongezelelweyo nazakujongana nokungaziphathi kakuhle kwamalungu e-EFF.
“Siqinise kuphela imo yezokhuseleko, lo nto ayithethi kuthi songeze abezokhuselo, asinokwazi ukuhlawula ixabiso lokongezelela amagosa okhuselo,” utshilo uMgidlana.
Kunyaka ophelileyo ipalamente yayiqeshe abafudula bekwinkonzo yesipolisa njengamagosa ezokhuselo awongezelelweyo.
UMgidlana uthe, into abagxile kuyo kulo nyaka kukuqeqesha loo magosa banawo ukuze akwazi ukujongana nemiceli mngeni yale mini. Ukwaqinisekise ngelith, ukuqhawulwa konxibelelwano obekwenzeke kunyaka ophelileyo akunophinda kwenzeke.
Uthethe wathi, “Ipalamente inoxanduva lokwenza kuphela into evumelekileyo ngokusemthethweni.” Intetho yesizwe kamongameli kulindeleke ukuba ikhombe indlela kwemasikulindele kulo nyaka.
UZuma kulindeleke ukuba othule le ntetho ngolwesine umhla we-11 kule nyanga, ngeyesi -xhenxe ngokuhlwa.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup