Mhleli oxabisekileyo
Kwiphephandaba langomhla endiwukhombise apha ngasentla umbhali uMpumelelo Makuliwe ubhala uthi, ‘Umbuzo ngowokuba kuzakubalula na ukudiliza iziseko zezinto abaziqhelileyo abantu.’
Ndiyaphikisana nalo eli nqaku, ngapha koko umbuzo wakhe usenokuguqulwa ngoluhlobo, ‘Ingaba iinkosi zinganeyiphi impembelelo kubantu abangabunakaniyo obubukhosi babo?’
Isizathu salo mbuzo ngowokuba isininzi sabantu esihlala eKapa (ezilokishini nasezidolophini) sesiqhele ukuziphilela ngaphandle kweenkosi. Nala masiko enziwayo abantu bazenzela bengakhange baqale kwiinkosi.
Ndingavuywa ukuba ndinokukhankanyelwa ilokishi okanye idolophu apho inkqubo yeenkosi isetyenziswayo.
Ndiyangqinelana nawe xa usithi kukho ungquzulwano phakathi kolu lawulo lwabesininzi kunye nolweenkosi kodwa leyo yingxoxo yenye imini.
Ngemibuliso
NL Mpikashe, Saldanha
Ndiyayazi into efunwa ngabalandeli bePirates, utsho uRiveiro