IZIMVO: Ukufa kwesazela somntu ontsundu kwaqala mhla wabeka umcondo esikolweni

Phambi kokuba ndityatyadule ngalo mba ndicela ukuqala ndivakalise indlela endicingela ukuba imfundo ingayo okanye ebekufanele ukuba ingayo esizweni.

Xa isizwe sithumela abantwana baso kumaziko emfundo ndicinga ukuba sikuba iinjongo zazo kukuba sibe nabantu abaza kukwazi ukusombulula iingxaki esihlangabezana nazo nesiza kuhlangabezana nazo. Uya kuzibuza ke nawe mntakwethu ukuba zeziphi ezi ngxaki sijongene nazo njengabantu abamnyama, ingaba uhlobo lwemfundo esilufunxe kumaziko wemfundo lunalo na ulwamvila lokusombulala iingxaki zethu nokusiphuhlisa njengomzi ontsundu?

Ngala mazwi andizami kujongela phantsi igalelo lemfundo kumzi ontsundu kuba ndiyazi into yokuba ngale mfundo sinezi thwalandwe, kwaye siyakwazi ukuqhakamshelana nezinye izizwe kodwa ngokwam akuphelelanga apho .

Thina bantu bantsundu sikhulela phantsi kweemfundiso ezimbini.

Imfundiso yokuqala siyifumana ekhaya, kumalungu osapho, ezihlobeni kunye nasekuhlaleni.

Le imfundiso yasekhaya inezinto eziyihlobisayo ukuze ibeyiyo, ezinye ngamasiko, izithethe, iinkolo, iinkolelo kunye nenkcubeko. Kodwa ke indlela esizenza ngayo namaxesha ayohluka kwisizwe ngasinye nangokufuthelwa zindawo esihlala kuzo.

Imfundiso yesibini yile siyifumana kumaziko wemfundo egunyazisiweyo ngurhulumente, olu ke uhlobo lwemfundiso kuthiwa alunakhaya lolomntu wonke, nangona nje mna ndingakholelwa ncam hayi kuba ibuhlabana nale yasekhaya, kodwa kuba ndisazi ukuba mfundiso nganye enikezelwa esizweni isuka kumnombo waso onamagangxa, amachule kunye nendlela yemo mpilo yaso esekelezelwe kwindlela esasijonga ngayo okanye esijonga ngayo impilo.

Umzekelo, xa sithatha umntu ontsundu ofundiswe ingqiqi buThixo ngokwa sesikolweni esigunyazisiweyo ngurhulumente, ubuya indlela abona ngayo imiba yenkolo ibutshintsha kunangaphambili, umoya wakhe wenkolo wobe sewubufuthelwa zimbono zababhali kunye nezabaxhonxi bakhe, lo nto imenza abebujongeka ngelinye iliso ngabo bangakhange bafumane elo thamsanqa lokuya kufuthelwa zimbono nengcamango zezinye izizwe, naye ngokunjalo ababone abo nesizwe sakhe benkolo imi ndawonye ingakhuliyo, ingahambi namaxesha.

Umbuzo wam kwakubanjalo uthi ngubani na onoxanduva lokukhulisa inkcubeko, amasiko, izithethe, inkolo yakhe njalo-njalo xa ingengobemi nabahlali besosizwe?

Le meko iyasiphinda naxa kufanele sixoxe ngophuhliso lwempilo-ntlalo yomntu ontsundu, naxa kufuneka size nezisombululo kwiingxaki esihlangabezana nazo ezinje ngentswela ngqesho, ukungabina lwazi kunye nezifo, singazi nokuba kufanele sisebenzise obuphi ubugcisa, kukho abemveli kunye nesibufumana kumaziko wemfundo .

Lo nto nje iyodwa inegalelo kwindlela olurhuqa ngayo unyawo uphuhliso kwisizwe sakowethu kuba ixesha elininzi silichithela ekuphicotheni ingxaki de singabi saba nawo amandla wokuza nesisombululo kuba aphelele ekucingeni ingxaki ukuba iyintoni, yenziwe ngantoni, kanjani, khona ingabe ifuna ukungenwa njani kukho ezimfundiso sinazo zimbini?

Yiyo le nto sisemva kwezinye izizwe ngobuchwepheshe nasekuveliseni iinkcuba-buchopho kuba sime esiphambukeni asazani ukuba singobani, sivela phi, kwaye sisingise phi, singumntu wonke ekuthiwa singuye.

Xa ndizithoba ii-emere ndithi isizwe esingayihoyanga imbali yaso iye iziphinda-phinde.

– Bavuyise Raphael Diko