IZIMVO: Ulimo notyelelo likhubalo kuqoqosho

Ulimo notyelelo yenye yeendlela ezinokunceda ukukhulisa nokuqinisa uqoqosho kumaphondo afana neMpuma Koloni.

Oku kungenzeka ngokuvuselelwa kweefama ezininzi ezinembali ezisecaleni kwezona ndlela ziphambili.

Kaloku abatyeleli ikwangabantu abazithandayo izinto eziqhubeka efama, maxa wambi bekhangela izinto abanokuzithenga. Iifama ezincinci ezisezilalini kweli leMpuma Koloni zalala ngenxa yokuba abasekho abantu abadala ababekhuthalele ukulima nokufuya.

Ukuvuselela ezi fama kungatsala abatyeleli ngokuthi kufuywe izinto ezifana neenciniba, iipikoko nezinye ezithandwa ngabatyeleli.

Asikho isizathu sokuba iMpuma Koloni ibonwe njengendawo enganiki mdla, ebalekwa ngumntu wonke.

Ulimo notyelelo lungakhulisa imeko yoqoqosho kuba iMpuma Koloni le idlisela ngemihlaba emihle ehombe ngendalo equka iintaba, imilambo nembali ekuninzi lwezi ndawo.

Ezinye zezi ndawo zinemizila yoololiwe eyacimayo enokuncedisa xa inokuvuselelwa ukutsala abatyeleli.

Xa uhamba ngohola wendlela uR410 ophuma kuKomani ukuya ngaseCacadu, uqhutywa ziindlela ezingqongwe ziintaba, iifama, imilambo kwakunye namaziko olimo.

Lo hola wendlela uR410 ukukhuphela kwiidolophu eziqhayisa ngotyelelo nolimo ezo ziquka iCala, Khowa, neDyoki ukuya kuma kuhola wendlela uR56 obheka eMount Fletcher.

Amafama adala amathuba emisebenzi kuninzi lwelizwe loMzantsi Afrika, kodwa oku kungakhula nangaphezulu xa kunokudityaniswa ulimo notyelelo.

Ngaphandle kweMpuma Koloni, namanye amaphondo angakwazi ukudibanisa ulimo notyelelo ukuze kukhuliswe uqoqosho.

Amafama nabatyeleli ngabantu abanezinto ezininzi ezifanayo, enye yazo kukuthanda indalo nokuthanda ukubona izinto abangazange bazibona ngaphambili.

Xa uhamba ngohola wendlela uR61 uphuma eKaladokhwe usiya ngaseMthatha, uhamba phakathi kweefama neendawo ezinokujikwa zibe zezotyelelo.

Amaziko olima afana neShiloh eHewu eqhayisa ngentlaninge yeenkomo zobisi neentaba ezinemibhalo yabaThwa zezinye ezihombise uR61.

Iziko lolimo eLanti nalo likufutshane neentaba zembali yamadabi kaPoqo eNtlonze eyabangelwa ukuxhonywa kwamadoda alishumi elinesine ale ngingqi ngo1962.