IZIMVO: UmXhosa ulandela konke okuphandl’ apha

Asikuko ukuba ndiyanyemba, koko ndibhentsisa oko ndikunakanileyo ebomini.

Uninzi lwamaXhosa athanda ukuziguqula ubuni babo. Uthanda ukulandela zonke izinto ezenziwa zezinye iintlanga.

Xa efika [umXhosa] kuloo dolophu, uyayidela eyakhe inkolo nolwimi lwakhe. Wenza yonke into eyenziwa lolohlanga afikele kulo, alibale ngemvelaphi yakhe.

Uthanda ukufikelela nalapho kungafuneki khona. Akazingci ngobuyena, uyazidela kuba efuna ukuzenza owazi konke okwenzeka kolo hlanga adibene nalo. Uthathela kuye isithethe solo hlanga.

“Uhleli nabesuthu, ubhuda isisuthu, uhleli namazulu, ubhuda isiZulu. Hayi ukuqatsela kolwimi luka-Joji kodwa uhleli nabantu bohlanga lwakhe. Uthandaza izithixo endaweni ka-Qamata wookhokho.” Kuphi ukuzithemba nokuzithanda? Kungani sityeshela izithethe nenkolo yethu? MaXhos’amahle masibuyelen’eMbo kwesika-Qamata, sikholelwe kubuthina.

-Lindani Mbambo, eQonce