Izimvo: Uqokelela iingxaki kwiMK Party uZuma

UMongameli weMK Party uJacob Zuma. Umfanekiso: Rogan Ward/REUTERS

Xa ukhangela ngokwamanqanaba okusungulwa kombutho wezopolitiko, umbutho weMK Party usekwinqanaba lokusungulwa kwawo.

Okungaqhelekanga ngalo mbutho kukuba nangona usasungulwa nje, kodwa uthe gqolo uqokelela amalungu azinkokheli zeminye imibutho.

Akukacaci ukuba ithini imigaqo-nkqubo yeMK Party kodwa itshotsha entla ngokuchola chola bonke abantu abazinkokheli zeminye imibutho.

Kutshanje, uZuma wamkele kumbutho wakhe umseki wombutho iSouth African Rainbow Alliance uColleen Makhubele.

Oku kwenzeka logama ilizwe lisothuke kukungena kukaFloyd Shivambu noMzwanele Manyi abebesuka kumbutho we-EFF. Intetho yesiXhosa ithi, iinkunzi xa zininzi esibayeni esinye siyahlaba.

Ziinkokheli ezinamandla nobushushu zonke ezi ziqokelelwa nguZuma kumbutho weMK Party, ekunokwenzeka ukuba kuvuke ikakade.

Indlela eyiyo yokusungula umbutho wezopolitiko kukuba abantu bazingenele ngenxa yokumenywa yimigqaqo-nkqubo nomgaqo-siseko walo mbutho.

Aba bangena kwiMK Party bephethe intlungu nomvandedwa owaziwa ngabo besuka nawo kwimibutho yabo. Oko kuthetha ukuba kuqokelelwa iingxaki ezakuxaka iMK Party ngenye imini.

Konke oku kwenzeka logama amalungu alishumi elinesibhozo kwiMK Party egxothwe epalamente. IMK Party sele ipheke ngokwayo isicwangciso sengxaki ngaphakathi embuthweni.

La malungu agxothwe epalamente anabalandeli abawathandayo kwangaphathi kwiMK Party.

Ethetha namalungu alo mbutho, uZuma uthembisa ukuba uzakuqhubeka ukugxotha abantu abangenzi intando yakhe.

Ngaphandle kwamathandabuzo, lo mbutho uzakuhlala ugxotha yonke imihla kuba usebenzisa amacebo okulandela iincoko zabantu kwiifowuni nezinye ke iindlela.

Okwangoku iMK Party ingathi yenziwa ngabantu abangaqinisekanga ukuba bafuna ntoni, okanye unokuthi abayazi ukuba iyaphi inqwelo abaqabele kuyo.

Ukufika kweenkokheli ezifana noShivambu ezinikwe izikhundla eziphezulu yingxaki eza kuqhushumba inukisele iMK Party noZuma ngenye imini. Kaloku bakhona abantu abazibona befanelekile ukunikwa izikhundla ezifana nezo zinikwe amadoda afana noShivambu.