Izimvo Zabantsundu

Japhta Dekeda

Kwisigqeba solawulo samaBhele, kwindlu yekomkhulu lamaBhele, nabatshana ndithi mandithathe elithuba ndibulele ngentsebenziswano nokuphathisana.

Noxa ebekhona amahla ndinyuka kodwa uThixo uhambe nathi kwade kwasekupheleni. Ngeli xesha leeholide zehlobo, booLanga, Qunta, Khuboni, Dlambula, Mamba, Lutshaba ndininqwenelela iKrismesi emyoli nonyaka omtsha ozele ngamathamsanqa.

Owenu emaBheleni: Japhta Dekeda (usihlalo).

Ndiyabhotisa kumzi omkhulu kaPhalo. Ndiziva ndichulumancile kakhulu xa ndithe ndafumana eli phephandaba lesiXhosa kwaye andiphazami ndilithenga zonke iiveki.

Qhubelani phambili mz’ ontsundu nibuyise isidima solwimi lwethu.

Masithembe Diliza Jwampini, eMthatha kuNqwathi.

Ndibamba ngazibini ngomsebenzi owenziwa zintatheli zeli phephandaba, usigcina sinolwazi kwaye sirhabule ngeendaba ezenzekayo emakhaya sibe thina sikude.

Ukwanda kwaliwa ngumthakathi.

Ongazichazanga, eseCeres, eNtshona Koloni.

Zithini ezakho izimvo? Zithumele ku isibhalo@inl.co.za / whatsapp ku 063 743 9538