Izimvo zoluntu ngomba kaNene

Izimvo zoluntu ngokugxothwa kukaMphathiswa wezezimali uNhlanhla Nene. UNene ugxothwe ngumongameli uJacob Zuma ngoLwesithathu, kwizizathu ezingachazwanga. Endaweni yakhe kungene uDavid Van Rooyen.

Phalo Thurston Nkqetho: Tjoo aybo! Urhwaphilizo!!

Bafana M’zulu Majija: Tjooooo! i-ANC yasinika * mongameli oliqhitala kakhulu. Uvel enze nje lamntu ngathi akacingi maxa wambi.

Nande VanDe Nhonho: Hayibo! Uthi makaye kweliphi icala umntu onesapho??

Bonga Sidoda: Wenze kakuhle kungekonakali i Rand iphelelwa ngamandla sogqithwa nayi Nigeria.

Lizalise Dutukuzi Bhayeni Ranisi: Ndisayola lento inokwenza nalamcimbi kaSAA, kusenokwenzeka umongameli weli akayithandisanga into yokuchazelwa ngendlela asebenzisa ngayo imali.Ndiyazicingela nje.

Maso Krila Ngini: Ufane emgxotha nje akho nto ingako izakutshintsha ngoba oyena nobangela yilemali ininzi iphelela kwicorruption nasekubuseni iivotes.

Mandlenkosi Mtshikwana: Kungaqhuma kubasiwe uukhona umkhonyovu ikhona into efihlwayo apha

Jingles Mgiqwa Bhezile: Ingathi kungcono kwa-uIdi Amin kunoJacob Zuma ngokulawula ngobuzwilakhe,ukuba ungumqobo endleleni yakhe, uyakugungxula, ngokuinisekileyo le ndoda inguNhlanhla Nene ibingavumi nale nto yalejet.

Lizie Miya KaSbewu Godloza: Hee ayinguye nalo wayethe gabhu amanqagisa kwinto yaseNkandla??

Luyanda Duka Namahlathi Gibson: Kaloku lo tata wakanene uyikhabile into yokuba uzuma afumane iJet intsha. If awukholwa yinto enorhwaphilizo uzowutya kuzuma.

Athi Zduli Bhayi Majikazana: Makaqhube thina silapha emva kwakhe