Izimvo zomfundi wephephandaba

Ndibhala ndivuya, kwaye ndichukunyiswa linqaku phantsi kosiba likaMnumzana uMpumelelo T.A. Makuliwe, uMasiphakule Kuvimba.

Eli nqaku libhalwe ngomvulo, Tshazimpuzi 04, 2016 umba othetha ngesiduko samaManci. Isizathu sokubhala ndicela ngokubanzi akhe atyatyadule umbhali kungenxa yokuba mna ndinguSitshaka, uManci, uZotsho, uMaqholo, uMbulu, uMbhawela, uMashata wakuloMhatane, iMbul’elimnyamanenkomozalo.

Phofu ekwazini ookhokho ndiqala kuMlanjeni, ndiye kuKhethelo yena ozala utatomkhulu uZwelwakhe ozalwe ngonyaka ka1910. Sime eDutywa kwilali yakuKhethi.

Kodwa imbali ithi, uMlanjeni wafika kwaKhethi eyinkwenkwana esuka eSixakwe kuTsolo ehamba natata othile wakwaManci kwaDuli, wabe ke ukhulela apha de waba nonkosikazi wakhe apho kuye kwazalwa uKhethelo othe wazala uZwelakhe, uZwelakhe wazala uMphumzi othe ke yena wazala mna.

Imbali ke ikhomba uba nalapho eSixakwe siphuma eMzimkhulu. Kodwa ke iphide ibekhona imbali apho inkosana uSitshaka okhe wasokolisa kwimfazwe yaseThaleni kwiminyaka xa kuqala i 1800 ndiyeva ke uba bakhona ooSitshaka, ooManci phaya kooQhora.

UMnumzana uMakuliwe uye wandichukumisa kakhulu kuba ndisafuna ukuva ngam ukuya kuNkosi uDiko noSitshaka aba uyoma ngeLesotho leyo athetha ngayo.

Angadinwa sithi bethu koko asincede kuba thina sisafuna ukuzazi, kwaye ngokwefani kaNdude siyazi uba inye noJompolo, ooNunu kunye nooFenge kuba bangooSitshaka, oMbulu, oMbhawela, ooZotsho, ooManci, ooMashata bakuloMhatane.

Ndingavuya uba ukhe uncedise kwesi sicelo sam.

-Tembinkosi Sitshaka Ndude