Izincitho kwinkcitho yezithuthuthu

Izithuthuthu ezineebhedi zokusondeza iinkonzo zezempilo eluntwini UMFANEKISO: Facebook

YINGXOXO eqale njengenkcazelo yezithuthuthu zokuncedisa urhulumente wephondo ukuze afikelele kangangoko eluntwini kwiinkonzo zonyango, kodwa ephele sele iyintlekisa bambi bencitha urhulumente ngale nkcitho.

Abanye bade bafanisa ezi zithuthuthu neso sikaVelaphi Mjongeni, beqhula ngelithi zikhutshwa ngurhulumente wephondo egameni leqhula uRay Ntlokwana.

Zintathu iimbalelwano zikarhulumente ezikhutshiweyo kusenziwa inkcazelo ngezi zithuthuthu.

Eyokuqala ibe yekaMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba ngoLwesihlanu, ngethuba kusungulwa ezi zithuthuthu zikhatshwa ziiambulensi eziqhelekileyo. Emva koko kulandele ekarhulumente kazwelonke, ze laphinda isebe ephondweni lenza ingcaciso, sele linika nexabiso lokuba isithuthuthu ngasinye yiR94 000 kuquka neR6 000 yokulungiswa kwesithuthuthu ngasinye kule minyaka mithathu izayo.

Oku kuthetha ukuba isithuthuthu ngasinye, kwezi zilikhulu, sityabule urhulumente iR100 000, ze xa zilikhulu ibeyiR10 million.

Oku akuphelelanga nje kwiinkcazelo ezohlukeneyo koko kuphele uGomba sele egxeka iofisi yakhe yezonxibelelwano, esithi isilele ekuchazeni gabalala ngezi zithuthuthu.

Ekuqaleni kwintetho yakhe ngethuba kusungulwa ezi zithuthuthu, uGomba uthe: “Ayizozithuthuthu eziqhelekileyo ezi, zezikhethekileyo futhi zineebhedi. Sisizisa ezi zithuthuthu nje kungenxa yokuba kudala sisiva ukuba iiambulensi zethu azifikeleli kwiindawo ezikude ezilalini.”

“Iphondo lethu lineelali kwaye ngenxa yamaxethuka, siye singakwazi ukufikelela kubantu abafuna unyango olukhawulezileyo, ingakumbi xa kuna iimvula. Leyo yinto yezolo. Ngezi zithuthuthu siza kukwazi ukufikelela kwiindawo ezikumagolokongxo,” utshilo uGomba.

Isebe lezeMpilo kuZwelonke, lithe: “Ezi zithuthuthu azizanga kuthabatha endaweni yeeambulensi. Imiqathango yonyango olungxamisekileyo alinakuyivumela lo nto kwaye asinakuyixhasa nathi lo nto. Olu lungenelelo ukuzisa iinkonzo kufutshane eluntwini.

Isebe lezeMpilo ePhondweni, ngokomlomo kaSizwe Kupelo, lona lithe: “Masiyichaze eyokuba ngethuba iphondo lalijongene nesifo sotyatyazo, saye samilisela olu ngenelelo lunye. Njengokuba sisilwa iCovid-19 nezinye izifo siza kuqhuba sisebenzisa ubuchule ukuze senyuse izinga lokusa iinkonzo eluntwini.”

“Aziyonxalenye yonyango olungxamisekileyo, yiyo le nto kuqashwe abantu abangabhaliswanga kwiHPCSA (Health Professions Council of South Africa),” utshilo uKupelo.

UKupelo uthi ezi zithuthuthu zenziwe yinkampani eseQonce kwaye kwaqeshwa abantu abangamakhulu amabini ngexesha lokwenziwa kwazo. Kukwaqeshwe i150 lokuziqhuba.