Izincomo nezigxeko kwingxelo yeencwadi zaseBCM

USodolophu waseBCM uXola Pakati kwakunye noManejala kaMasipala u-Andile Sihlahla

USodolophu waseBuffalo City uXola Pakati uthi ukuphuculwa korhulumento lwesi sixeko, kuquka nolawulo lwemingcipheko ejongene neBCM, zezona zinto ziza kubangela ukuba lo masipala ulawule ngendlela imali yawo – nto leyo ezakukhokelela ekusiweni kweenkonzo eluntwini ngomxakatho oncomekayo.


UPakati ebethetha neentatheli kwihotele i-ICC eMonti ngoLwesine, apho ebebhengeza ngokusesikweni ingxelo yoMphicothi-ziNcwadi Jikelele (Auditor General). Ngokwale ngxelo yonyaka-mali ka2016/17, iBCM ifumene imbono yeencwadi ezicocekileyo, kodwa ngokungagqibelelanga (Unqualified Audit Opinion with Matters of Emphasis) nanjengoko uMphicothi-ziNcwadi Jikelele eyalele ukuba lo masipala mawuqwalasele izinto ezithile ngokumayelana nolawulo lwawo lwezimali.


UPakati uthi ezi ngxelo, zingqina kanye iintsika zophuhliso lwesixeko (Metro Growth and Development Strategy) ezinombono ka2030 wokwakhiwa kwesixeko esinolawulo oluluqilima.

“Ingxelo yoMphicothi-ziNcwadi Jikelele ingqina ukuba sisekhondweni lokwakha isixeko esinolawulo oluluqilima,” utshilo uPakati.


Noxa nje kukho izincomo ngale ngxelo yoMphicothi-ziNcwadi Jikelele, kodwa kukwakho nenkxalabo nanjengoko iBCM yenze inkcitho engeyomfuneko (irregular expenditure) ekumakhulu amabini anamashumi asibhozo anesixhenxe ezigidi zeerandi (R287.3 million). 


Le nkcitho engeyomfuneko yehlile kodwa kuna xa kuthelekiswa naleyo yamakhulu amahlanu anamashumi amathathu ananye ezigidi zeerandi (R531.6 million) kunyaka-mali ka2015/16.


Kule ngxelo, kukwavakaliswe ukuba iBCM inetyala le-R1.2 billion elisuka kubantu namashishini angahlawuliyo iinkonzo azifumene kulo masipala. Ukuqubisana noku, uPakati uthi banesicwangciso sokuqinisa inkqubo yengeniso-mali kumasipala, ukuze balawule ngendlela eyiyo amatyala.