Izincwaso nokungathathelwa ngqalelo kweentatheli ezingamabhinqa

Izincwaso, ukuxakana nokuba uzakunxiba izihlangu ezichophileyo okanye eziflethi, imisebenzi yasendlini kwanomngeni wokuzibonakalisa njengenenekazi, zezona zinto ezinzima ezijongene namanina asebenza njengeentatheli kwicandelo eliguntyungelwe ngamadoda.

Bethetha eThekwini kwingqungquthela yabeendaba ebiququzelelwe yiWorld Association of Newspapers and News Publishers (Wan Ifra), iintatheli ezingamabhinqa kwanabahleli, babelane ngeengxaki abajongene nazo kweli candelo, besithi bajongene nomngeni wokusebenza nzima ukufana neentatheli ezingamadoda logama bekwafuneka kwimisebenzi yezindlu zabo.

Usihlalo weqonga labahleli boMzantsi Afrika (Sanef) uMahlatse Gallens, osebenza eNews 24, uthi ukusebenza njengentatheli elibhinqa kunemiceli mngeni yako.

“Ndidibene neenkokeli zopolitiko ezinesincwaso, ezingonqeni nokundixelela uhlobo emandinxibe ngalo xa ndisiya kwii-ofisi zazo ndiyokwenza udliwano-ndlebe. Ngaphandle koko, kusekho abantu abacinga ukuba xa uyinkosikazi sokuze uphathe abantu.

“Xa iintatheli ezingamakhosikazi zibonakalisa ukungaxoli yindlela eziphatheke ngayo emsebenzini, kuye kuthiwe zenziwa ngumsindo okanye bubuthathaka,” kutsho uGallens.

UGallens uthi iintatheli kufuneka zingachaseli kwiintsapho zazo, zikwazi ukuchitha ixesha nabantwana bazo.

Obesakuba ngumhleli weHuffington Post South Africa uVerashni Pillay, uthethe ngesehlo esithe sabangela ukuba ayeke emsebenzini wakhe kulandela ingxwabangxwaba malunga nombhalo kwibhlogi ekwakusithiwa uphenjelelwe lucalucalulo.

UPillay uthi iintatheli ezingamabhinqa zisebenza ngokuzinikela. “Iintatheli ezingamakhosikazi zigxila ngokumandla emsebenzini ukwenzela ukuba ziphume kwangethuba ukuyo kujongana neentsatshana zazo,” utshilo uPillay.

UHelje Solberg, oyingqonyela yeVGTV eNorway, uthi wafumana ingxaki emsebenzini ngethuba ebuya kwikhefu lokubeleka. “Babefuna ndibuyele kwidesika yezopolitiko, ndabaxelela ukuba andinangxaki kodwa ndicela ukuphuma emsebenzini ngentsimbi yesibini emalanga kabini evekini. Ndiyakuthanda ukuba yintatheli kodwa ndiyakuthanda nokukhathalela umntwana wam,” utsho uSolberg.

Yena uJunama Ghunaimat, ongumhleli ophezulu kwiphephandaba laseJordan i-Al Ghad, uthi kwanyanzeleka ukuba abaxelele abakhe abantwana ukuba akafani nabanye oomama.

“Kwakufuneka bayazi ukuba owabo umama uyakhenketha, akahlali ekhona ekhayeni,” utshilo uGhunaimat.