Izindlu eziyi-5 000 eDuncan Village

USodolophu waseBuffalo City uXola Pakati wenze intetho engobume besixeko eICC eMonti ngoLwesine UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

USodolophu waseBuffalo City uXola Pakati ubhengeze ukuba esi sixeko siza kukwakha izindlu ezikumawaka amahlanu eDuncan Village kule minyaka mine izayo.

Edakanca intetho malunga nobume besixeko eICC eMonti ngoLwesine, uPakati uthi sele besityikityile isivumelwano sokumilisela iphulo lokujika amatyotyombe aseDuncan Village, neendawo ezikufuphi, abezizindlu.

“Ngoku siphethula inkqubo yokutyikitya intsebenziswano phakathi kukarhulumente waseMpuma Koloni, okazwelonke kwaneArhente yoPhuhliso lweZindlu (Housing Development Agency),” kutsho uPakati.

UPakati ukwathe isixeko sixakekile, similisela iiprojekthi zezindlu ezingamashumi amabini anesithoba, nezixabisa amakhulu amabini anamashumi amahlanu anesithoba ezigidi zeerandi (R259 million), ePotsdam Ikhwezi Block 1, eMdantsane Zone 18cc nesigaba sesithathu eTyutyu.

Kodwa uPakati ubalule ukuba imfuno yezindlu kuza kubanzima ukuba iphunyezwe ngokupheleleyo sisixeko.

“Ingxaki yesixeko esifana nesethu kukuba xa ugqiba ukwakha izindlu kwindawo ethile, kufika abanye abantu bazokugxumeka amatyotyombe kuba kaloku isixeko yindawo yamathuba engqesho.

“Ewe siwulungele umngeni wokuqubisana neemfuno zabantu besixeko kodwa lo ngumsebenzi oqhubekayo, ongasokuze uthi uwugqibile,” utshilo uPakati.