Izingca ngobuntombi bayo intyatyambo yabaThembu

Kagiso Ndima

UKagiso Ndima (17) uthi uyakuphulukana nobuntombi nto mhla watshata. Le ntwazana yakuGogozayo eMqanduli isabhiyoza emva kokuphumelela indawo yesibini kukhuphiswano olubizwa ngokuba yi-Indoni Miss Cultural South Africa 2016 obelubanjelwe eThekwini kutshanje.

Olu khuphiswano lungenelwa ziintombi nto zezizwe ngezizwe kweli loMzantsi Afrika. UNdima yena ebemele isizwe sabaThembu.

Ngokuphumelela indawo yesibini uzuze imali engange R50 000 yebhasari ezakuthi imqhube kwizifundo zakhe emva kokuphumelela ibanga leshumi, iR5 000 eyeyakhe kwakunye nesivumelwano sonyaka sokwenza-ntle iinwele zakhe simahla esalon.

Ethetha neli phephandaba, uNdima ofunda ibakala le-11 kwisikolo samabanga aphezulu iMilton Mbekela eQunu eMthatha, uthe: “Le mpumelelo ithetha lukhulu kum, andizazi nokuba ndingathini luvuyo. Andifuni kuphosisa bendingayilindelanga le ndawo ndiphumelele kuyo, kuba bekunzima ngaphakathi, iintombi beziqule zaligangatha.”

“Ngaphandle kwenkxaso endiyifumene kwizihlobo, kubaqeqeshi bam nakuThixo ngendingekho kule ndawo ndikuyo,” utshilo uNdima. Uthi ukuzigcina eyintombi nto yinto ebaluleke kakhulu. “Ndiyintyatyambo yesizwe, ngoko ke kubalulekile ukuba ndihlale ndibukeka futhi ndiqhakrazile. Umakhulu wam wandikhulisa endiyala ngokubaluleka kobuntombi bam. Yiyo le nto ndithi ndiza kuqala ndigqibe ukufunda eyunivesithi emva koko nditshate ukuba ndibonwe lisoka. Ndingandula ke, ukuphulukana nobuntombi bam,” utshilo uNdima.

Imfihlelo yakhe ngento emphumelelisileyo kukuzithemba kwakunye nengoma athe wayihlabela ethi “Yhee Majola phuma entolongweni!” Nathi iye yahlokomisa uluntu eThekwini.

Le ntwazana ibiqala ibiqala ukungenela olu khuphiswano kulo nyaka. Ngoku uthi uzakuvula iqela elizakukhuthaza abanye abantwana abazintanga zakhe, ngeendlela zokuziphatha kakuhle.

UMandisa Gwangqa nongomnye womhlohli we-Indoni kwisizwe sabaThembu, akawuvali umlomo naye ngempumelelo yomntwana wakhe amqeqeshayo.

“Kwizinto zonke ebendimfundise zona (uKagiso) phambi kokuba aye kukhuphiswano uzenzile. Kwinto yonke umntwana kufuneka azithande kwaye azithembe kuyo yonke into,” utshilo uGwangwa.

abongile.ginya@inl.co.za