Izinqandamathe ezingamapolisa zidubulene ngompu womsebenzi

Libanjiwe ze lavela okomzuzwana enkundleni kamantyi waseMatatiele ipolisa elidubule lonzakalisa isinqandamathe salo eCedarville. Livele ngoLwesibini ze ityala lamiselwa umhla wesithandathu kule nyanga ukufaka isicelo sebheyile, umsolwa uselugcinweni lwamapolisa.

Othethela iziko eliphanda amapolisa i-Independent Police Investigative Directorate, uMoses Dlamini, ungqinile ukuba eli ziko liyasiphanda isiganeko watsho esithi eli lelinye lamatyala anobuzaza kwiincwadi zabo.

Ngokwengxelo, lamapolisa akwinqanaba lobu-constable omabini kwaye ebengaphangelanga ngexa lesiganeko. Ze eliyindoda elikwangumrhanelwa ominyaka ingama-34, layalela intokazi yalo eminyaka ingama-30 ukuba iye kulindwendwela endlwini yalo. Ithe yakungavumi intokazi le, laqonda ngqo endlini yomhlobo wentokazi nalapho bekonwatywe khona, ze lendoda yonda ngeqabane layo baxambulisana yerhuthu umpu wayo yawukhomba esiswini lampompoza igazi.

Othethela amapolisa aseCedarville uCaptain Raphael Motloung ucacise wathi: “Le ndoda idubule ze yalonzakalisa kakubi iqabane layo kwanyanzeleka lileqiswe kwisibhedlele saseMatatiele nalapho lisafumana khona unyango. Livuliwe ityala lokuzama ukubulala kwaye uphando luyaqhuba.”