Izinto ezingathethwayo zinobuzaza

Kwiveki ephelileyo besithetha sikwabuza uba abantu bacinga ntoni ngabantu abangotata. Kuye kwacaca ke uba ngumbuzo o ethe-ethe lowo. Hayi kumanina qha, nakwabo bangotata abo babebenqwenela uba ootata babo bangakhula bekhona, kodwa akwabinjalo.

Izinto ke ezingathethwayo zibanobuzaza. Abantu babambene ngentliziyo, kuyabalelwana. Imini ke ibanye ligqabhuke ithumba futhi xa seligqabhuka akubimnandi nakubani na. Sekutheni sesizophilisana kanjalo nje?

Izinto zimoshwa ngomlomo, zilungiswe ngomlomo. Bantu bakuthi, lixesha loba sithethe eli. Xa wena ungathethi, ungenzi zinzame zokulungisa izinto, kuzothetha bani? Kudla ngothiwa ‘isihlangu sitya umniniso’.

Ngendlela abantu abaphendule ngayo kumhlathi weveki ephelileyo kuyacaca nje uba amanina abanyamezele abesilisa. Kananjalo nabesilisa basenemivuka kukwenza kooYise babo.

Abanye ke baye bakhule besithi ‘ngenxa yoba utata engazange abekho ebomini bam, mna ndifuna ukubakho umzuzuzu nomzuzu kwabam abantwana’ abanye balandele ekhondweni looYise, kuba besithi abayazi kukuthini ukubangutata.

Kukho inina elithethe into enamandla xa belithetha ngoYise, lisithi; yintoni ebangela umntu ongutata xa engasenanto yakwenza nomama wabantwana, ashiye abantwana bakhe enyanyeni? Xa kungoku sihleli nengxaki yamakhaya angazinzanga ngenxa yesimo abantwana esibakhulisela kuso.

Incoko iye yaqhubeka emva koba umhlathi upapashiwe. Lo nto indenze ndaqonda uba sinoxanduva qha asiziqondi.

Uba besisazi ngesingayekelelanga umxakatho ngolu hlobo siwuyekelele ngalo. Sinomsebenzi omkhulu kakhulu wokuvala ezi ntanda zomphefumlo zidalwe kukwenza kwethu, nokukukrokrelana kwabelisa nabasetyhini. Kumele injongo yethu ibenye, hayi le yenzekayo.

Umntu ngumntu noba usesiphi isini. Asinakuhlala samkele into engeyiyo. Amandla okulungisa akwalapha kuthi. Siphumla njani kunje?

Abantu abathulanga kuthula qha banyamezele. Abantu basetyhini inkoliso yabo ilimele futhi ekulimaleni kwabo abanathemba kumntu ongutata.

Amanxeba anzulu kwaye awabonakaai ngeliso lenyama. Abanye abantu babonakala ngendlela abaphila ngayo nabaphilisana ngayo, kuvele kubonakale ukuba ingxaki isemva ekhaya ayiqali apha.

Abanye banezivubeko zokukhula, abanye banezivubeko zasebudaleni ezibangelwe ngabesilisa. Sinento ke esingayiqondiyo le yoba umntu olimaza abantu sube elimele yena kuqala. Kwayena udinga uncedo.

Kwakhona sibenento esingayiseli ngqalelo le yoba kwabona abesilisa baneenduma zabo zomphefumlo ekungekho lula ukuthetha ngazo ngenxa yeemeko ezininzi, umntu asuke aqonde uba kungcono athule, afele ngaphakathi.

Kufela ngaphakathi oko phofu kuzobonakala ngendlela enza ngayo kwabanye abantu.

Lona ixesha lokutyholana lidlulile, okwethu nje kukuba silungise apho sinako ukulungisa. Umntu nomntu adlale indima yakhe. Esi sizwe sithi sinxanelwe ukusakha, asizusakha amakhaya ethu eneentanda. Yonke le nto kufuneka iqale ekhaya.

Ngaba abantu abaphuma kula makhaya banjani? Zonke ezi zinto zihamba zidibane. Akukho nto izolunga de sonke sibenendima esiyidlalayo ekwakheni nasekuqiniseni amakhaya ethu, sionge iimfuno zamakhaya, silungise ukuhlala.

Singekafiki apho, sizezojikeleza ndaweni’nye. Baninzi ke abesilisa abangalulutho xa benophakama bathethe.

Ngeline ixesha into ebangela kudume ububi kungenxa yokuthula kwaba bekumele baza nesisombululo.

Ukuthula kuba usithi awufun’ungena izinto akuncedi mntu, ukusuka apho abenzi bobubi bayaphumelela. Yonke into inexesha layo. Kufuneka sazi uba umntu uthula nini, athethe nini?

Into ebuhlungu ke kuxa kukhuliswa abantwana phantsi kwezi meko. Abantwana esibakhulisayo abazuhlala bengabantwana, bazoba ngabantu abadala abayile ndlela sibakhulise ngayo, akuzukwenzeka mmangaliso sebevuthiwe. Bagwetywa besebatsha

Ngeenkcukacha: 079 284 1757 katomnoku@gmail.com