Izinto zijike zamuncu eCumakala

Abahlali belokishi iMlungisi eCumakala batshise izakhiwo zikamasipala iAmahlathi kunye neklinikiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Ukuqashana ngokuzalana, ukuqashwa ngokuba uqale walala nomqashi kumasipala iAmahlathi kwanokungavezwa mathuba okunikezwa kwezakhono kulutsha lwala mmandla, kuko okudale udulubhentsu kwidolophu yaseAmahlathi kwade kwabe kuphuma nesidumbu.

Emva kokuba ulutsha lwala mmandla belubambe umngcelele lusisa uxwebhu lwalo lwezikhalazo kusodolophu waseAmahlathi ngoLwesibini, izinto zijike zamuncu, ulutsha lwaqalisa ngokuthulula amatye kwiifesitile nakwiminyango yamagumbi kamasipala, ebanga ngelithi usodolophu ubonakalisa ukunganaki izikhalazo zabo ngomzuzu eme phambi kwabo esabela ezi zikhalazo.

Baqalise nangokutshisa la magumbi betshisa nekliniki esedolophini nakwilokishi yakwaMlungisi.

Omnye ebekolu qhankqalazo izolo nongafunanga kuchazwa ukusindisa ubom bakhe, ebalisela I’solezwe, uthi kona ayizozityholo ezi zityatyekwa lo masipala ngenene kunjalo. “Senze okubi ngokonakalisa ndiyavuma, kodwa ibilolunye uhlobo esivula ngalo abaphathi bethu.

“Besingenzanga tyala singonanga futhi ngokuba sise izikhalazo zethu kumasipala. UMasipala ukholo ukusa iinkonzo eluntwini, ukholo kwanokuzisa amathuba engqesho kuthi thina lutsha. Uyavuya lo masipala xa esibona sihleli ezikoneni sitshaya iziyobisi. Asinanto yakwenza apha eCumakala sidinga imisebenzi, akukho nemisebenzi yethutyana ukhe ubambe nje funeka ulale, uzalane ukuze uqeshwe okanye uwunyobe,” oku kudizwe ngumhlali kwidolophu yaseCumakala obeyinxalenye noqhankqalazo izolo.

Izolo kule dolophu bekukhala umoya, zonke iivenkile zivaliwe. Logama kube nzima ukuba iintatheli zingene kwilokishi yaseMlungisi eCumakala, apho abahlali bebegibisela iimoto zamapolisa kuquka nezeentatheli.

Kambe abanye bezidaphulela ukutya kwiivenkile zabemi bangaphandle. Kusenjalo, sincokole noAviwe Jacob nongumhlobo kaXolisa Tom (27) obelixhoba lokudutyulwa wabhubha lipolisa ebelizama ukunqanda ulutsha obelundlongondlongo. UJacob uthi uza kuwathatha amanyathelo okudutyulwa komhlobo wakhe engonanga mntu.

Uthi bebezihambela beziphumela kwinkundla yamatyala malunga netyala elilelabo abajongene nalo, bengeyonxalenye netoyitoyi kodwa badutyulwa.

UTom udutyulwe lipolisa entloko ngembumbulu yokwenene, waze wabhubhela kwisibhedlele saseCumakala ebusuku ngoLwesithathu.

UNobhala wengingqi yeAmathole kwiANC uThembalethu Ntutu, uzikhalimele iziganeko zokutshiswa kwanokonakaliswa kwezakhiwo, esithi abomthetho mabenze umsebenzi wabo, babambe abo bonileyo. UNtutu ukwadlulise nelizwi lovelwano kusapho lukaTom. Izolo amagosa eANC, isigqeba sombutho esilawula iphondo kwakunye nabakulawulo kumasipala bebekwindibano malunga noku.

Isithethi samapolisa uKapteni Siphokazi Mawisa, uthi kubanjwe abantu abalishumi elinesibhozo ngokonakalisa izakhiwo, nabalindele ukuvela enkundleni kungekudala.