Izinto zime ngxi ngoonoteksi

Umfanekiso weeteksi ezingahambiyo namhlanje eKapa Umfanekiso: Phinda Kula

Kunyanzeleke ukuba baphindele emakhaya abanye abasebenzi ngenxa yokungabikho kwezithuthi zikawonkewonke zokubaphangelisa. Ngentseni yanamhlanje bekukhala ibhungane kwizikhululo zeeteksi kulandela uqhankqalazo olubangelwa kukungavisisani phakathi kwemanyano yeeteksi iSANTACO kuzwelonke kunye nephondo leNtshona Koloni. 

Ngenxa yolu qhankqalazo uninzi lwabakhweli lubhenele kooduladula bakwaGolden Arrow nabesixeko seKapa. Akubanga kudala kusile kwatshiswa ababini oduladula bakaGolden Arrow kwilokishi yaseKhayelitsha kwaye mnye kubo ubusaqokelela abasebenzi bale nkampani kwingingqi yaseMakhaza, logama omnye kothulwe abakhweli kwatshiswa kwisitalato iShushu Cresent kwakula lokishi. Kuzo zozibini ezi ziganeko akukho mntu wonzakeleyo.
Othethela uGolden Arrow uBronwen Dyke uthi: “Sizinqumamisile iinkonzo zethu eKhayelitsha okwangoku ngenxa yoqhankqalazo. Oduladula bethu ababini selebetshisiwe kwaye akukho ndlela banokulungiswa ngayo, batshe baphela!” Ukanti esisiganeko sikhokele ekubeni isixeko sinqumamise iinkonzo zalo eKhayelitsha, nalapho abantu bashiyeke bebambe ongezantsi. Ooduladula bahambe begoqoza bekhatshwa ngamagosa okhuseleko kwisiXeko.
Umkhweli weteksi, uKwanda Mkabile, uthi imchanile kakhulu indaba yolu qhankqalazo. “Ndifuna ukuphangela ngoku akukho nto yokukhwela, kuhamba nooduladula bengakhwelisanga. Inzima into esiyenziwa ngoonoteksi xa kuqhankqalaza bona kufuneka kume yonke into.” Ukanti uLindiwe Bokwe obesingise emsebenzini ezakuya nasesikolweni uthi: “Andikwazi ukuhamba ngenxa yeeteksi ngoku, ndiphoswe lusuku emsebenzini nalusuku esikolweni!”