Izinyobo zemali ‘yeDrink’ eWSU

Izikomfundo iWSU lilumkisa abo benza ubuqhetseba kubhaliso lwabafundi UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

EMVA kokuphunyezwa kwesicelo sakhe senkxasomali sikaNSFAS, into intwazana yaseMdantsane ebiyilindele kukuqala unyaka wayo wokuqala kwizifundo zeMarketing Management eWalter Sisulu University (WSU).

Oku kungenxa yethemba ebenalo lo mfundi, ocele ukuba singalibizi igama lakhe, kulandela umbhalo othi “Provisionally Accepted”, into ethetha ukuba wamkelwe, kodwa hayi ngokupheleleyo. Elo thenjanyana likhawuleze laphelel’ emoyeni xa ephinda ejonga ubume bakhe wafika kubhalwe “Wait Listed” into ethetha ukuba ubekwe kwabalindileyo.

Emva kokubona lo mbhalo, lo mfundi uye wayokuqonda eWSU apho athi uye wadibana nanenekazi lithile elithi lisebenzisana namagosa aseWSU akwicandelo lobhaliso lwabafundi.

“Ndiye ndakhubeka kakhulu kuba ngokuya ubume bam ngesicelo bebubhalwe ‘Provisionally Accepted’ bendicinga ukuba inokuba kufuneka nje ndize neziphumo zam zikaGrade 12 emva koko ndiqale ukufunda kuba noNSFAS sele esiphumezile isicelo sam senkxasomali yokufunda,” utsho lo mfundi.

“Ndiye ndaya eWSU edolophini eMonti kuba bendive ukuba kuyabhaliswa phaya. Xa ndibeka imeko yam kwathiwa andinawukwazi ukubhalisa. Ndithe xa ndiphumayo ndadibana nomnye usisi eme ngaphandle apha eWSU wandibuza ukuba ndihambe njani ndamxelela ukuba andibhalisanga.

“Lo sisi uthe kum angandinceda, watsho ethatha inombolo yam. Uthe xa ndinokuza neR3 000 kwakunye neR300 angakwazi ukundifaka phaya. Undixelele ukuba bafaka abantu babo, watsho esithi umntu ofake isicelo nje engakhuphanga le mali yokunyoba uhoywa kade. Ngoku athetha nam ebehamba nomnye umntwana oyintombazana eyokufuna itshintshi yemali wabe endicela ukuba mandimkhangelele nabanye abantu,” kutsho lo mfundi.

Ngokwale mali, iR3 000 ifakwa kwaPEP ze iR300 isiwe izinkozo. I’solezwe linoshicilelo lelizwi elisuka kule ntwazana efuna izinyobo eWSU, ebelithumelele umntu obezenza umzali walo mfundi.

Kolu shicilelo likaWhatsApp le ntwazana ithi: “Ndilapha eWSU eAdmin. Into esiyenzayo siyabafaka abantwana abangafakanga zicelo, qha kufuneka eze nemali yeDrink. Uyayazi ukuba akukho nyawo elingenadolo, sizama ukuzifumanela iimali zeDrink, kuba nguJanuary moss.”

Isithethi saseWSU, uYonela Tukwayo, uthi into etshintsha ubume balowo ufake isicelo kuxa kufike iziphumo zikaGrade 12. “Xa sifumene iziphumo abafundi baye bahlengahlengiswe ngokweziphumo zabo, nto leyo eye ikhokelele ekutshintsheni kobume bomfundi ofake isicelo.”

UTukwayo ulumkise abafundi abasebenzisa ikroba lomgunyathi esithi mabazikhwebule koko kuba iziphumo aziyi zibe zihle.

“Ngo2019 iWSU ikhuphe kuluhlu lwayo ngenxa yokuba bangena ngokunyoba. Inkqubo yethu iyakwazi ukubona abasebenzi bethu abenza le nto kuquka nabo bafundi bangene ngomgunyathi.

“Sikhuthaza abafundi ukuba bangafaki isicelo kwiziko elinye. Inyaniso yeyokuba iWSU ineendawo ezingama-7 300 kuphela kubafundi abaqala kulo nyaka, zibe izicelo [esizifumeneyo] zingaphaya kwe100 000,” utshilo uTukwayo, watsho ekhuthaza lo mfundi ukuba ajonge nakumanye amaziko kuba akukho ngqiniseko yokuba uza kuthathwa eWSU.

Lo mfundi uthi ebefake isicelo eWSU, eFort Hare nakwiYunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC) kwaye uphumelele ngeDiploma. Uthi yiWSU kuphela anethemba layo kuba iFort Hare ifuna iBachelor logama iUWC imkhabile kuzo zonke izicelo zakhe.

UTukwayo uthi iWSU iyabagcina abafundi abafake izicelo ukuze ibanike ithuba xa abo sele bethathiwe bengawasebenzisi lo mathuba.