Izipho kubantwana baseLindile

Abantwana besikolo samabanga aphezulu iNgubesizwe SSS eLindile eMthatha, izolo banikwe izixhobo zobuxhaka-xhaka banamhlanje kwiinzame zokuphucula iimeko zabo zokufunda.

Oku kwenzeke ngethuba usekela mphathiswa uStella Ndabeni-Abrahams etyelele kulo mmandla.

Lo kaNdabeni-Abrahams unikezele ngegumbi lekhompyutha elinezixhobo zohlobo lwee-tablets ezingamashumi amabini anesithandathu. UNdabeni-Abrahams ukwanikezele ngeengubo ezingamashumi amathandathu anesixhenxe kumaxhegwazana ale lali kunye nezihlangu ezingamashumi amathandathu anesixhenxe kubantwana besikolo iLindile JSS.

Usekela mphathiswa uthi ubone kufanelekile ukuba baqhubeke nemisebenzi emihle eyayisenziwa ngongasekhoyo uNelson Mandela, ukwathi uMadiba wayebathanda abantwana nabantu abadala yiyo lo nto abone kuyimfuneko ukuba azokubhiyozela le nyanga kaMadiba kunye nabo.

“Nanjengoko ndiligosa likarhulumente ndikwathunywe ngumongameli welizwe uJacob Zuma ukuba ndiqinisekise ukuba abantwana besi sizwe bafumana imfundo esemgangathweni,” utshilo lo kaNdabeni-Abrahams.

Ukanti inqununu yesikolo iNgubesizwe SSS uMandla Mantlaka uthi bachwayite kakhulu bengabahlohli kunye nabafundi besi sikolo bubuxhaka-xhaka beli xesha ababufumeneyo. “Esi sikolo siqale kunyaka ophelileyo ukubakho, sinabantwana abangamakhulu amabini namashumi amathandathu, kwaye besifudula sisokola ngoba besingekabi nazo izixhobo zokusebenza, yiyo lo nto sibulela ngokungazenzisiyo kusekela mphathiswa nenkampani yakwa-Vodacom, “ utshilo uMantlaka.

Kusenjalo usekela mphathiswa ukhe wangena naselalini etyelela imizi embalwa ekukhuthaza ukuba kulinywe khon’ukuze kugxothwe ikati eziko. Lo kaNdabeni-Abrahams utyale imifuno kule mizi ngelikhuthaza ukulima.