Izipho zabantwana zeKrismesi

Singumbutho wasekuhlaleni ozinze kwilali yaseNtonga (Debe Nek) nowaziwa njengeNtonga Village Christmas Giving. Sinceda abantu abangathathi ntweni ngexesha leKrismesi kule lali yethu.

Lo mbutho wasungulwa ngabahlali bale lali uNdzondelelo Ngangempi, uThulani September kwakunye noWezile Tshemese koka-2013. Sikhulele kule lali, namabanga emfundo aphantsi siwenze kwalapha sade sathweswa izidanga zemfundo enomsila kumacandelo awohlukeneyo.

Injongo yethu kukutyala kwindawo ethe yasikhulisa safikelela kwesikuko, ngokuthi sincedise iintsapho ezingathathi ntweni.

Ukuqala kwethu eli phulo sancedisa iintsapho ezintlanu. Koka-2014 eli nani lakhula laziintsapho ezisibhozo, kunyaka ophelileyo sincedise amashumi amathathu anesibini eentsapho ngezihlangu zesikolo kwakunye neekawusi.

Nakulo unyaka sifuna ukuphinda senze okufanayo nesikwenze kunyaka ophelileyo ngokuthi sincede abafundi abazakuqala isikolo kwibakala lokuqala (Grade 1).

Siyazi ukuba liphupha labazali ukubona abantwana babo beqala unyaka ngezihlangu ezitsha.

Lo msitho uzakukhatshwa yiKrismesi yabantwana esizakuyenza namhlanje, umhla wamashumi amabini anesibini kule yoMnga.

Sithanda nokudlulisa iminqweno emihle yeKrismesi kuni nonke ngeli xesha!

Ndzondelelo Clement Ngangempi

eNtonga