Iziphumelele zonke iiwadi zonyulo lovalo-zikhewu eMpuma Koloni iANC

UNobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane ebonakalisa umbulelo kumavolontiya eANC kwindibano eyayibanjelwe eMonti. UMFANEKISO: Michael Pinyana

UMBUTHO kaKhongolose eMpuma Koloni uziphumelele zonke
iiWadi zonyulo lovalo-zikhewu obelubanjwe ngoLwesithathu. 

Lo mbutho ubungenele kwiiWadi ezintandathu kweli
phondo. Eziwadi bezimbini eNelson Mandela Bay (Wadi
4; 14), yanye eMbhashe (Wadi 17), eRaymond Mhlaba (Wadi 11), eSajonisi (Wadi 7)
naseMbizana (Wadi 26). 

UWadi 4 eNelson Mandela Bay, uye wanesikhewu emva kokudutyulwa
komgqatswa weANC uNceba Dywili kwiintsukwana phambi konyulo loomasipala
kwinyanga yeThupha, logama uwadi 14 walo masipala uye wavuleka emva kokulahla
esikhundleni koceba weANC. 

UWadi 7 waseSajonisi noWadi 17 waseMbhashe baye banezikhewu emva
kokubhubha kooceba beANC logama uWadi 11 waseRaymond Mhlaba noWadi 26
waseMbizana baye bavuleka emva kokulahla esikhundleni kooceba beANC. 

Ikomishini ezimeleyo yezolonyulo (IEC) ibhengeze ukuba iANC
iziphumelele zonke eziwadi. 
UNobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi bachulumancile
ukuphumelela eziwadi. 

“Oku kuthetha ukuba iANC isathandwa ngabantu. Into ekufuneka
siyenze kukuba senze le nto abantu basithume ukuba senze yona, singadlali
ngeevoti zabantu. 

“Siyababulela abavoti abathe bavotela iANC, sikwabulela
nakumavolontiya ethu,” utshilo uMabuyane.