Iziselo zamandla!

Ndike ndangumqhubi weeteksi zemigama emide, ndilayisha amagoduka akuthi ayephangela eKapa.

Ndandisebenzisa iziselo zamandla ezazikho ngelo xesha, njengabo bonke abaqhubi bemigama emide esasingabo, sigxotsha ubuthongo nokudinwa endleleni.

Ezi ziselo zasolo zikrokreleka, ubani uzibuza ukuba yintoni le ifakwa kuzo yenza umntu angadinwa, angozeli. Ayezikrokrela ngakumbi ke amagoduka akuthi.

Umafungwashe kabawo wahlupheka mhla wandibona ndisela esinye sezo ziselo, ndibuya naye eKapa, emangaliswe kukuthi kanti sendingene etywaleni kule nto yezi teksi neyaziwa ngokusoloko ineenkqubo ezigoso.

Utywala ke andizange ndabusela, babunqabile kuNgcengane ngemihla yokukhula kwethu, bungeyiyo nento yabantwana ke.

Naxa basebuthe bakho andizange ndabunanza, ndabuchasa ngenxa yokunxilisa. Wayemele kukothuka ke umntakatata, ukukuthi kanti kuhleliwe nje ndiyanxila, ndiqwele ngentswelakuzimaseka ukusela ndiqhuba! Nam ikhe yandibhida into yezi ziselo.

Ndibona unyana womkhuluwa esela isiselo esisenkonkxeni ende emnyama esithandwa kakhulu lulutsha. Ndamangala, ndisithi lo mfana kanti kuhleliwe nje uyanxila, ngoku uswele imbeko ukuba asele phambi kwam.

Ndaxhalaba ukuba kazi uza kuthi akunxila enze ntoni na emehlweni am? Andizange ndimbuze, ndamyeka enjalo, ukuba anxile athwale isidanga ukuba unako.

Ndisazi kutshanje eso siselo ukuba kanti sisiselo samandla. Sisiselo anedingekasicaceli nangoku ke mna, kukuba sithandwa ngabantwana abafikisayo nalulutsha oluthanda imijuxuzo.

Into ethandwa lulutsha lwemijuxuzo lwanamhlanje ndasoloko ndiyikrokrela, kuba ivamise ngezothe nangokungazimaseki. Ndisonqena ngezo zizathu ke esi siselo samandla sisenkonkxeni emnyama. Kuleyo nto yokukrokreleka kwezi ziselo zamandla, kutshanje ndibone esenziwe ngentsangu.

Ewe intsangu, umya, icuba labathwa elihlonitshwa ngokuba ngumthunzi weenkukhu, idarha ngokwamalawu. Ndothukile, ndimangele, ndatsho ndacinga amaphulo acetywayo okusetyenziswa kwentsangu ngokusemthethweni eMzantsi Afrika, ngaphandle kokuqhunywa oku ke.

Isiselo sentsangu sisenkonkxeni eluhlaza ezotywe igqabi lentsangu ze sabhalwa “Isiselo sekhanabhiz.” Kubeko nelinye igama elibhalwe ngezantsi kwelo endingakwazanga kulifunda kakuhle.

Xa ndilijonga libe ngathi lakhiwe ngamagama ajongiswe ezantsi; kodwa xa ndiyiguqula inkonkxa, ndiyimisa ukuba amagama lawo ajonge phezulu azofundeka, suka aphinda angathi kukhona ndiwajongise ezantsi!

Ndiyijikajike ndayijikajika loo nkonkxa suka yangathi ndim lo ujongise umetyiso ezantsi! Ndikhawuleze ndasiphindisela kwitafile yaso ndingaphindanga ndilinge nto yimbi, ndamana ndisikrwaqula ngokuye ndisishiya, ndikhangela nokuba abantu aba bandijonge njani na, kodwa ndafika kungekho ukhangeleka ebona okutyhulu kwisimilo sam.

Andifuni kuzicingela ke into enokuba yenziwa seso siselo emntwini, ndiyiyeka apha emandleni ekuthiwa senza wona, njengezinye ke izidalimandla ezisetyenziswa ngabantu kwizinto ezahlukileyo.

Kodwa endizixelele kona kukuba nokuba yintoni na esiyenzayo ayisayi kubonwa kum, abangazoyikiyo izinto sesiya kuyibona kubo.

Nditsho ndakhumbula iikuku zentsangu ezazithengiswa kwisikhululo sikaloliwe saseKhayelitsh eKapa. Zazithengiswa ngumfo olirasta owayehlala kwilokishi iHarare kwalapho eKhayelitsha.

Wayekhwaza ke urasta ethengisa iikuku zentsangu zakhe; “ganja mafin, ganja mafin ngapha! Ganja mafin kweli cala!”

Andizange ndide ndibone bantu bambi bazithengayo ingengabo abantwana abakule ntanga ifikisaya, kukho namantombazana kubo, bambi benxibe impahla yesikolo. Niyabazi ke ngemikhuba abantwana abakwelo khabathiso.

Urasta unabalingane ke ngoku kwikuku yentsangu ayithengisayo, ishishini lakhe liza kukhula! AbaseKapa basenyhwebeni, umntu ya kuzifumanela ikuku yentsangu esikhululweni sikaloliwe eKhayelitsha ze athobe ngesiselo sentsangu.

Atsho abe mnandi ke abe njeyaa!