“Ukungazimiseli kwabafundisi ntsapho, abafundi kwakunye nabazali kubangela izinga lokufunda lehle kwiphondo lethu ingakumbi kwabenza imatriki.” Esi ibisisihloko sengxoxo-mpikiswabo ibiphakathi kwezikolo zamabanga aphezulu zaseMdantsane, iLoyiso neUlwazi, nebezingquzulana kumjikelo owandulela owamagqibela kankoqyi nozakubanjelwa eQonce kwezi veki zizayo.
Le ngxoxo-mpikswano ibibanjelwe kwisikolo endandifudula ndifunda kuso iMasixole kulo Mgqibelo sisuka kuwo, Masixole leyo ingabakhuseli bale ntshinga abayiphumelela kulo nyaka uphelileyo. Noxa iholo belingagcwelanga qhu, kodwa ndiyithandile into yokubona abafundi ebebevathe iimpahla zabo zesikolo bezokunika oogxa babo inkxaso.
Nam ke ndikhethe ukuchitha ezo yure zimbalwa ukuyokuzimamelela ulutsha lurhabulisana ngezimvo zabo ezohlukeneyo. Ngaphezu koko ndibasegcibhala xa ndizimase imisitho ekumila kunje, kuba ndisazi ukuba sizakugcanyuliswa esiya sisulungekielyo nesiluncuthu sona isiXhosa.
Mandibuyele kumxholo ubuxukushwa ngale mini, nalapho iLoyiso ibiliqela elixhasa isihloko, ze iUlwazi yaba lelisichasayo. Andazi ke nokuba besikhona isizathu esenze abagwebi ukuba bakhethe ukuba sesiphi isikolo esizakuchasa okanye sixhase esi sihloko, kodwa kuba ndinomnakano wendlela ezi zikolo zozibini ziqhube ngayo kwiziphumo zebanga leshumi elinambini kule minyaka mithathu idlulileyo, ndiyithandile indlela la maqela axoxe ephikisana ngayo kuba bebethetha ngamava abo ngokweemeko yezikolo zabo.
Ndichaza ukuthini xa nditshoyo? Andiqondi ukuba ukhona umntu apha ephondweni ongayaziyo iUlwazi, neyingesinye sezikolo ezizigwagisa ngempumelelo yabafundi baso bonke bebanga leshumi elibambini kumnyaka ka2015. Ayont’ intsha ke le kuba esi sithethe saqala kumnyaka ka2013. Kwelinye icala oogxa babo eLoyiso bona baqhube kakubi kakhulu kwiziphumo zalo nyaka uphelileleyo, apho kuphumelele abafundi abakumyinge ongama 24.5 epesenti kuphela.
Omabini la maqela ebequle aligangatha kugekho ufuna ukugob’ uphondo. Imiba ebekucangcathwa phezu kwayo, ingakumbi liqela elixhasayo ibiyiyo yonke imiceli mingeni esiyaziyo nethe mbende isebe lezemfundo. Ndiyiqaphele into yokuba qho eli qela lihlomla, abafundi ebebezokubukela bebemana bencinwa bevumelana nezi mbono nebezigxeka wena mfundi, titshala nomzali.
Abafundi bagxekwe kanobom ngokungazimiseli nangokungazibopheleli kwabo kwimfundo, kuba iincwadi zabo bagqibela ukuziphengulula xa besegumbini lokufundela esikolweni. Abazali nabo bagxekwe kabukhali leli qela, lisithi abazixhamli ngemfundo yabantwana babo yaye abanamdla ngokwenzeka esikolweni.
Abafundisi ntsapho bona bagxekwe ngokungazimiseli kwabo ekufundiseni nto leyo icaca xa bemi phambi kwabafundi ukuba khange bazilungiselele ngokwaneleyo. Baphinde bagxekwa ngokungabi namonde nokungabaseliso abafundi abaqonda kade, ze kuphele kuhoywa elo gcuntswana likrelekrele. Sisishwankathelo nje esi, kuba maninzi namanye amanqaku avezwe leli qela. Ndibaleke msinynane ndiye kwiqela ebelichasa umxholo. Manditsho zisasuka ukuba inene kuninzi okungafundwa zezinye izikolo ngendlela i-Ulwazi ethe yaqinisekisa ukuba ubudlelwane obuphakathi kwabafundi, ootitshala kwakunye nabazali buluqilima.
Ligadlela ke eli qela lichasa isihloko ngelithi: Abafundi bazimizele ukuphumelela kwizifundo zabo kuba bade bangene isikolo ngamaxesha ongezelelweyo bemxhelo mnye nabafundisi ntsapho. Ukongeza, abafundi abaphumelela emagqabini kwizifundo ezahlukeneyo baye bazinike ithuba lokuncedisana noogxa babo ababonisa iimpawu zokuqonda kade, yaye oku kunemiphumela emihle kakhulu.
Kwicala labazali, noninzi lwabo lungathathi ntweni nabangenasikolo kuyaphi, eli qela liyincomile indima yabo nendlela abathi gqolo bethethathethana nesikolo ngenkqubela phambili yabantwana babo. Abafundisi ntsapho bona baqhwatyelwe izandla ngokuzinikela kwabo kolu bizo nangamalinge abo okufundisa ngaphaya komlinganiselo, noxa nje basamnkela imivuzo emincinane. Isebe lezemfundo nalo ligxekwe kabukhali ngokungaqeshi ootitshala aboneleyo.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro