INKOKELI yeDA eMpuma Koloni, * -Athol Trollip uthi, lo mbutho uzakudala amathuba engqesho futhi uphelise ulwaphulo-mthetho xa uselulawulweni eNelson Mandela Bay.
UTrollip, ongumgqatswa wesikhundla sobusodolophu eNelson Mandela Bay, ebethetha eRand Stadium eGoli ngempelaveki apho iDA ibisungula ngokusesikweni umqulu wayo wezithembiso zonyulo loomasipala oluzakubanjwa kweyeThupha kulo nyaka.
UTrollip utyhole usodolophu waseNelson Mandela Bay uDanny Jordaan esithi “wenza nje izithembiso, angakwazi kuzifezekisa”. Uthi ulawulo olusemgangathweni kwanokusiwa kweenkonzo eluntwini yeyona nto izakubangela ukuba babenomdla abatyali-zimali.
“Urhulumente okhokelwe yiDA uzakuluphelisa urhwaphilizo futhi ulwe intswela-ngqesho eNelson Mandela Bay. Xa siselulawulweni, sizakuseka icandelo lesipolisa likamasipala lokulwa nemilo yoonqevu eNelson Mandela Bay.
“Urhulumente okhokelwa yi-ANC wakha izindlu zangasese zibe zingekho izindlu okanye akhe izindlu zibe zingekho izindlu zangasese. Isidima sabantu sijongelwe phantsi apha,” utshilo uTrollip ezekelisa ngesehlo sonyaka ophelileyo apho abahlali baseDespatch babekhala besithi bakhelwe izindlu zangasese babe behlala ematyotyombeni.
UTrollip ukwathe, bathembisa ngokujika iilokishi zaseNelson Mandela Bay zibekwizinga lehlomela-dolophu (suburb), esithi oko kwakwenza abantu “babenesidima”.
Esi sithembiso sigxekiwe ngabantu kumaqonga ezonxibelelwano besithi, isixeko saseKapa, apho iDA ilawula khona, asikwazanga ukujika iilokishi ezifana neKhayelitsha ukuba zibengamahlomela-dolophu.
Koomasipala abangamashumi amane anesihlanu eMpuma Koloni, iDA ilawula umasipala omnye iBaviaans eWillowmore.
Ngaphandle kokujonga ulawulo eNelson Mandela Bay, iDA eMpuma Koloni ikwafuna ukuthathela kuyo ulawulo lomasipala iKouga, Koukamma neCamdeboo.
Umasipala iCamdeboo, ozinze eRhafu, uzakudityaniswa neBaviaans kwakunye neKwezi emva konyulo loomasipala, zenze ibhunga elinye.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup