Izithuko zesiXhosa kwezosasazo!

Kutshanje ndichophele ucweyo lokuphuculwa komgangatho wesiXhosa sabasasazi boMhlobo Wenene FM, emva kothotho lwezikhalazo zoluntu. Kuvelelwe iinkalo ezifana nemigaqo yokubhala neyokupela isiXhosa, ukuguqulela, ukuhlela, ulwimi lwengingqi, inkcubeko, ifuthe lepolitiki, isigama sezobunzululwazi, isigama seziphako zomzimba, isigama sakudala, amagama amalungu esini nezihlonipho, isigama esiphuthileyo, amahlelo ezibizo, izivumelanisi negrama ngokubanzi.

Umbandela wokuhlonipha utshise ibunzi. Kwiinkqubo zezempilo akukho sidingo sakuhlonipha. Kambe ke izihlonipho kwezempilo yingozi.

Ngamhla uthile umsasazi uke wathi iintwala zehagu zihlala ezinweleni kuba esoyika ukuthi zihlala ezinzeni. Abaphulaphuli abangena mava ale meko bemka nelo lokuba iintwala zehagu zihlala ezinweleni, nto leyo ingeyonyani.

Ukuhlonipha amalungu esini nako ngumngeni. Umzekelo, umntu omdala akanancanca okanye inqotsololo okanye itotolosi okanye impempe.

Ofuna ukuhlonipha unose athi induku okanye intonga emntwini omdala, hayi impempe; ngumntwana onempempe. Kambe ke incanca ikwalilo nebele ngokolwimi lwabantwana, ngako oko eli gama limbaxa.

Nokuthi “ilungu lobudoda” okanye “ilungu lobufazi” akuncedi kuba maninzi amalungu obudoda nawobufazi. Kuphakamisisa iintshiya ke kambe ukuthi kwala magama angawabiziyo amaXhosa ngesiXhosa kube lula ukuwabiza ngesiNgesi, ngokunga athetha nto yimbi esiNgesini!

Igama elithi iimpundu limbaxa kwaye alicacisi ukuba ndawoni na ekusingiswe kuyo, liyaquka. Isifo esifana nokukrala kwemithambo yendutsu (iiphayili) awunakuthi kukukrala kwemithambo yeempundu, kuba omnye uya kucinga ngeentsula, omnye umthsintsila okanye iindonga zawo. Imbobo yokuphuma ilindle ingenziwa nasephangweni kwezempilo. Mandiliphuhle ke ngoko ndithi akuhlonitshwa kwezempilo, enegama ikhankqulwa ngalo!

Kuvele iingxoxo nangamagama eziphako zomzimba. Sele umkhulu kakhulu umonakalo odalwe kukungazi nokukhokelele ekubeni kuthiwe la magama akrwada. Umzekelo, igama elithi ‘nkawu’ ikwangumbala wesikhumba, ingaba sesomntu okanye sesesilwanyana, uyiyeke intsimangwe.

Lo mba ufuna ucweyo olulodwa nabamele amalungelo abaneziphako zomzimba, kuba sele wonakele kakhulu ukuba ungalungiseka ngokulula.

Ukuthi i-testosterone ‘yincindi yobudoda’ akuchanekanga. Le ncindi ikhona nakumabhinqa; umahluko ngumthamo phakathi kwezi zini.

Emadodeni iba ninzi kumabhinqa ibe ncinci. Yiyo eyenza indoda ibe ngwanyalala, ibe neendevu, ibe noxhonti, ivelise imbewu, nto ezo ezenza indoda – ithathwa ngokuba yeyona ncindi ingundoqo kumadoda.

Emabhinqeni isebenza ukuvelisa amaqanda kwaye ukubaninzi kwayo kudala iingxaki zenzalo. Akuchanekanga ke ngoko ukuthi yeyamadoda xa kusingiswe kwibhinqa eninzi kulo.

Endaweni yokuthi ibhinqa linencindi yamadoda kunose kuthiwe linethestosteroni eninzi; okwenza unongayindoda.

Igama elithi “ukuxhaphaza ngokwesondo” alikuphuhlisi okona kwenziwayo. Eli gama sisiqukuquku nje segama elingaphethe nto. Okona kulungileyo kukuchaza okwenzekileyo, ingaba kukuzuma, ukubhantsa, ukuncamisa, ukwenza iintetha ezingamkelekanga, ukucofa, njalo njalo. Igama “ukuxhaphaza ngokwesondo” yinguqulelo ngqo yegama * [sexual harassment] ongekhoyo esiXhoseni.

Kuvele nemfunalwazi ethe vetshe malunga nezivumelanisi zeentloko kwisivakalisi, kwakunye nezimnini. Kwenziwe imizekelo yezivakalisi efana nalo uthi “uMphathiswa wePhondo wezeMfundo Vs uMphathiswa wezeMfundo wePhondo.” Umphathiswa ngowezemfundo, akangowephondo, ngako oko ibinzana elivunyelaniswe ngokukuko leli lithi “uMphathiswa wezeMfundo wePhondo.”

Ube njalo ke umcimbi wocweyo nabesikhululo sezosasazo uMhlobo Wenene, nebathwana labeTruFM. Kambe ke, iingongoma ezingokuhlonipha azijolisanga ekubeni kungahlonitshwa, kuba izihlonipho yinxalenye yenkcubeko, koko zinqanda ukuhlonipha ngokugqithisileyo de kulahleke intsingiselo. Kananjalo akukho gama likrwada ngokunokwalo.

Lutenxo ukuthi amagama esiXhosa akrwada kodwa kwaezo nto amaXhosa ayazibiza ngesiNgesi. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba