ABAFUNDI abaphuma kumakhaya aneepokotho ezifumileyo kufuneka bahlawule ngokuthe xhaxhe eyunivesithi, ngokokutsho kukasekela-ngqonyela waseRhodes uGqirha Sizwe Mabizela.
UMabizela ukuthethe oku ngethuba lovavanyo-zimvo lantsuku-mbini obeluqhutywa eMonti kwiveki ephelileyo malunga nokuba ilizwe loMzantsi Afrika likulungele kusini na ukuqhuba inkqubo yemfundo enomsila engahlawulelwayo.
Olu vavanyo-zimvo belubanjelwe kwiholo yaseMonti kwaye luqhutywa yiKomishini yokuqwalasela intlawulo yokufunda eyunivesithi (Fees Commission).
“Ndinoluvo lokuba abazali abaneepokotho ezifumileyo mabahlawule imali eyodlula abo bahlelelekileyo. Le ingayindlela yokwabelana ngobutyebi belizwe enokubangela ukuba abo bangakwazi kungena eyunivesithi ngenxa yokuswela imali, batsho bakwazi.
“Abanye babantu basa abantwana babo kwizikolo zabucala apho bahlawula imali engangeR200 000 besenza oko iminyaka elishumi elinesibini. Xa befika eyunivesithi bahlawula imali engange-R80 000. Yiyo le nto ndinoluvo lokuba abazali abaneepokotho ezifumileyo bafanele ukuhlawula nangakumbi,” utshilo uMabizela.
Lo kaMabizela uxelele le komishini ukuba imfundo enomsila engahlawulelwayo ayinawukwazi ukwenzeka kweli lizwe. “Emva kokuba kubhengezwe ukuba mayingenyuki intlawulo yokufunda eyunivesithi ngo2016, iRhodes izibone intyumpantyumpeka kwityala elibalelwa kwi-R42 million kodwa urhulumente uye wakwazi ukukhawulelana nathi,” utshilo uMabizela.
Uthi urhulumente namaziko abucala mayibengawo afaka imali kwiiyunivesithi zeli.
Ukwathe imeko eye ijongane nabafundi abangathathintweni iye imxhele ngaphakathi. “Bambi abafundi bade bathathe ukutya abakuthenge ngemali abayinikwa nguNSFAS bakuse kubazali babo. Ibuhlungu kakhulu lo nto,” utshilo uMabizela.
Le komishini ityhutyha ilizwe lonke izama ukuva izimvo malunga nesiphakamiso sabafundi ababamba uqhankqalazo kwiiyunivesithi zonke zeli nyakenye befuna imfundo enomsila engahlawulelwayo. Izimvo eziqokelelelweyo zakudluliselwa kuMongameli Jacob Zuma ngenyanga yeNkanga kulo nyaka.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!