Izixhobo zolimo kubafundi baseXhorha

UMphathiswa wesebe lophuhliso lwamaphandle kwakunye nezolimo uMlibo Qoboshiyane uzakube enikeza ngeedesika kwisikolo iXuba Junior Secondary eXhorha namhlanje.

UQoboshiyane kukwalindeleke ukuba anikeze ngezixhobo zolimo ezifana neeharika, imihlakulo, amagaba, iikiliva, izinto zokunkcenkceshela kwakunye nezithole, ngeenjongo zokuba abafundi baxabise ulimo.

Isebe lithi esi sikolo sikhethwe kuba siswele izixhobo zolimo. Kukwavakala ukuba abantwana abahlanu kwesi sikolo, basebenzisa idesika enye.

Kusenjalo, ezinye iidesika zizakuthunyelwa kwisikolo iMasivuyiswe JSS eDikeni, kumhla oyakubuya waziswe.