Izizathu zokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni

Ukubethwa, ukuswela amanzi emzimbeni, ukubhidla kwezilonda nengqele – zezinye zezizathu zokubhubha kwabakhwetha abalishumi elinesithoba eMpuma Koloni kubusika balo nyaka.

Othethe egameni leSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli uMamkeli Ngam, uthi ingqele ayiqhelekanga kwezo zinto zibangela ukubhubha kwabakhwetha kweli leMpuma Koloni.

“Ingqele ayidli ngokuba ngunobangela wokubhubha kwabakhwetha, inqabile kodwa kulo nyaka sinabakhwetha ababhubhe ngenxa yayo,” ucacise watsho uNgam.

Ngabakhwetha abalishumi elinesithoba abathe babhubha kweli phondo ukusukela oko kuqale ixesha lokwaluka lasebusika eMpuma Koloni.

“I-OR Tambo inabakhwetha abalishumi elinesithathu, eAlfred Nzo bathathu, mnye eChris Hani, babini eBuffalo City Municipality,” uthethe watsho uNgam.

Ngamashumi amathathu amawaka abakhwetha abe bengene esuthwini ukusukela kwinyanga kaCanzibe kweli leMpuma Koloni ngeenjongo zokuba babe ngamadoda.

Idolophu zasemaMpondweni eziquka iNgqeleni, Mbizana, Libode neLusikisiki zezona zinengxaki yokubhubha kwaba bakhwetha.

“Amapolisa aseNgqeleni ngoku sithethayo akhangela abatyholwa abachaphazeleka ekubhubheni kwabakhwetha, kusenjalo sisakhangela uMtshayina Ndoda oyingcibi engekho mthethweni,” utshilo uNgam.

Izithembiso ezenziwe ngamagosa karhulumente aquka usihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uMwelo Nonkonyana zenza ukuba badane ngenxa yeli nani.

“Ngenene sidane kakhulu ngenxa yeli nani, kukho imfuneko yokuba ngoku sithabathe amanyathelo aqatha, kuba sifumanisa ukuba aba bantwana babulewe kukungathotyelwa komthetho ngamakhaya, iingcibi, amakhankatha neeNkosi,” uthethe watsho uNonkonyana.

Uthi enye yeengxaki ibe kukungathotyelwa komqathango weminyaka elishumi elinesibhozo yokwaluka kwabantwana.

“Zikho iiNkosi ezichaphazeleka ngokukhupha izigunyaziso zokwaluka ezingekho mthethweni, kuza kunyanzeleka ukuba siziqwalasele ezo Nkosi,” uthethe watsho uNonkonyana.

Ngamashumi amabini anesithoba abakhwethwa abahlangulwe bathunyelwa kwisibhedlele iMalizo Mpehle kuTsolo, logama ingamashumi amathathu abathe bahlangulwa eLusikisiki.