IZizi-Consulting ikwinkonzo yokuphuhlisa abatsala nzima ezilalini

Samkela ithuba lokulungisa amakhwiniba kwinqaku leli phephandaba ebelibhalwe ngumbhali weli phephandaba uMpumelelo Nogada kwiphepha le veki ephelileyo. Le ntatheli ikhuphe imbalelwano esitsarhileyo singuZizi-Consulting phantsi kwesihloko esithi “Abafundi bakhala esimantshiyane ngokungabhatalwa.”

Iyinyaniso into ethi ababhatalwanga ngexesha elifanelekileyo abafundi. Unobangela kukuba inyanga yokuqala ibeneengxaki ezinje ngamagama neenkcukacha zebhanki ezingavunywanga yikhompyutha, nto leyo ethe yasilelisa kwintlawulo yesibonelelo (stipend) sabafundi. Sithetha nje basifumene bonke isibonelelo abo baneenkcukacha ezizizo. Asizilindelanga kwakhona iingxaki ezinje.

Siyayiphika kwa nengxelo ethi kukho abafundi ababefumana uqeqesho ngaphambili nesingazange sibanike mali yesibonelelo.

Singu Zizi-Consulting sigxininise ekuqeqesheni abantwana abahlelelekileyo nabasuka emaphandleni. Unobangela woko kukuba nathi singabanini nkampani singoonolali, intsokolo yomntu omnyama ezilalini asiyifundanga ncwadini.

Le nkampani izenzele igama kweli loMzantsi Afrika jikelele ngokuqeqesha abantwana abayi 817 kubuchwephesha bezakhono zayo yonke ingcombolo yekhompyutha (ICT).

Abanye babo baqashwa bengekazigqibi nezo zifundo, silindele oko nakwaba sibaqeqeshayo. Abafundi sibanika izixhobo zokuziphilisa kwezo ndawo bahlala kuzo, nezophila ngokuzenzela, nto leyo engaxhaphakanga kwiindawo ezihlelelekileyo.

Sicela ukuba iintatheli ziwanabise amehlo azo ngaphaya kothuli lochuku khonukuze usiba lwe ntatheli libe nemfundiso, ingcaciso, nomkhombandlela oncedisa ekwakheni isizwe.

Imali yesibonelelo incedisa abafundi kwiindleko zokuya kumaziko oqeqesho, ukutya nendawo yokuhlala.

Eli galelo libaluleke kakhulu ekwakheni nakwimfundo yolutsha olungasebenziyo.

UMHLELI: Siyabulela ngempendulo. Siyawuxhasa umsebenzi omhle eniwenza ezilalini. Intatheli le yazisa izikhalazo zabafundi nangqina ukuba kwakukho iingxaki ngoko. Siyavuya ukuva ukuba konke kulungile ngoku.