Izizwe Zinamasiko Azo

Ngale nkulungwane kumele ukuba kunqongophele ukudibana nenkolo engathanga idibane nezandla ezikhohlakeleyo ize itshovelwe eludakeni.

Le yobuKrestu nayo ibe lixhoba nje ngezinye. Kodwa akunakubakho bani onokuza nobungqina bokuba zange zisulungeke kwasekusekweni.

Abacinezeli abangamaKoloniyali bafike ezizweni babanga ubungangamsha bezizwe zabo besekelezela ezibhalweni, besithi ezi iintlanga azigqibelelanga kuba azidalwanga nguThixo wazo.

Ngonyaka ka1856/57 inkolo yabantu boMzantsi Afrika isetyenziswe ukubulala amaAfrika amnyama aqikeleleka kwisiqingatha senkulungwane ngesiganeko sikaNongqawuse.

Inkathazo evelayo xa sukuba esinye isizwe siphakamisa inkolo yaso, sidelele inkolo yezinye izizwe kukuba intlalo gabalala iyaphazamiseka mntwini wonke, kuvele iingxabano. Mva nje kuvele omnye umboniso bhanyabhanya othi INXEBA.

Andikawuboni nam kodwa ndivile ukuba waboniswa kwiminyhadala yemiboniso bhanya bhanya zwelonke.

Uzakufikelela kuwonkewonke kweyoMdumba kulo nyaka. Apha kula maqonga okuhlala ndikhe ndahlangana nengxoxo mpikiswano phakathi kwabantu abathile, kukho lo untsundu ozama ukunqandela egxeka ukuphathwa kakubi kweli siko lokwaluka lixatyisiweyo ngabanye abantu, endicinga ukuba abaninzi ngabantsundu.

Kule ngxoxo ndisuswe yintetho yalo webala igama lakhe ndingazukulixela. Uthi bona bemhlophe abafanele kuxelelwa ukuba abangeni ndawo kuba bakhona kwizibhedlele neeklinikhi benyanga abantwana abalinyazwe leli siko thina baninilo bangafuni kuliyeka.

Kubuhlungu kuthi, akumnandanga. Kuthontelana amabali abuhlungu abantwana abangabuyanga entabeni, abantwana abanqunyulwe ubudoda, abanye babethwe kakhulu bayakuhlala kwizitulo zokuhamba, njalo njalo. Ingamnandi kubani le nto?

Isiko lona lisiko, wonke umntu ufanele ukuba aqaphele. Ulwaphulo mthetho lona lulwaphulo mthetho. Nam ndinguye umvelisi wemiboniso bhanyabhanya ongaphumelelanga kodwa.

Iinjongo zokwenza umboniso ngeli siko kum umasikizi. Ndikhe ndabona eminye, equka nalowo wanxakamisa iinkokeli zemveli ukumabonakude uthi PHANTSI KOMTHUNZI WENTABA.

Andikakhe ndingabambi mazinyo. Ngonyaka uMfundisi uSandile Mhlontlo azisa incwadi yakhe ethi INDLELA EYA EBUDODENI eRhini kweza kum umbhali waseMt Fletcher ontetho isisiSuthu wazakundihlebela esithi NIMXELELE UMFUNDISI UKUBA AKUBHALWA NGESIKO. Loo mbhali mncinci kakhulu kuMfundisi uMhlontlo ngeminyaka. Ininzi ingxoxo enokubanjwa ngalo mbandela.

Kodwa ukulungisa undonakele kwisiko labantu akunakwenziwa ngabo ingelolabo.

Ewe akhona la mabali, kodwa thina bantu bahleli nesiko izizukulwana ngezizukulwana ezidlulileyo sazi amabali amaninzi kunabo bafunde kuthi, befunda kakhulu ubugwenxa obutsha.

Thina sakuba nalo nebali lenye inkwenkwe ebixake ikhaya yaza yasiwa esuthwini yalulamela ukufundiswa ngobudoda yaze yabuya yaba yindoda elungileyo, ngenxa yesiko. Kuthi maninzi la mabali. Ukubhalwa nokungabhalwa ngesiko yingxoxo efuna ukubanjwa. Mna ndoneliseka yincwadi kaMhlontlo.

Uthi umfundisi ukho umahluko phakathi komntu owalukileyo nomntu owenzakeleyo. Ndide ndizifumane ndingonelisakanga ncam yincwadi kaP.T. Mtuze ethi Umdlanga.

Ukwaneliseka ke nokunganeliseki kuxhomekeke kweyam gaqa ingqiqo. Ndikhe ndanomsindo nam kwelinye iqonga endandithetha kulo ndavakala ndisithi makucace kuthi ukuba sifuna ukukhusela isiko okanye ukukhusela abantwana bethu.

Ngoku kumhlophe kum, andinamsindo, ezi zinto ngeke zahlukane. Ukukhusela isiko kukukhusela abantwana bethu. Kodwa sifanele ukulikhusela kuthi banikazi balo nakwabo bayimigqakhwe kulo, bangazalwa lilo. Mamela.

Ndikhe phaya eMthatha ndaya kuchwethezisa umbhalo ngqangi wam kwishishini labantu abamhlophe apha ngaseSavoy endala. Ndathi xa ndibuza ixabiso ndaxelelwa ndathi ukukhuza “Jesus”. Wathi lo sisi weshishini umhlophe ndiyayazi na ukuba andimelwe ukulibiza eli gama ngamampunge?

Ndahleka. Wacaphuka ngakumbi wathi akanaxesha nelemali leyo bendizakuyibhatala. Uthi akasebenzisani yena nabantu abangahloniphi uThixo wakhe. Kwaqala incoko endingenakufaka nkcukacha ngayo apha. Kodwa ke ndacela uxolo ndamnika umsebenzi.

Apho ndiya khona kukuba kunani thina singenakuba nalo uchuku ngeyethu inkolo? Kutheni singenako ukuyikhusela?