Izohlwayo zomthetho wobulawu

Indlala nokuhamba kwamaxesha kusenze amayilo kwasidalela nokuhlala ngokuxambula xa sichophele imicimbi yokwendiselana nemicimbi yemidliwo yezehlo. Namhla kuyinkohla ukuconjululwa kwale micimbi ngobulungisa nangoBuntu.

Ubulawu ibiyinto emnandi ukuhlalelwa. Nomhambi ube phambuka akuqaphela ukuba kuchotshelwe ubulawu, axoxe kume ngaye akugqiba aqhube nohambo lwakhe. Izinto eziwenza mbi nangakumbi umcimbi wobulawu kukusetyenziswa kwemali notywala bomlungu.

Imali ibingena ndawo kulo mcimbi. Bekusebenza inkomo ehamba ngamanqina, okanye nayiphi na ke imfuyo ezitho zine. Ibiba libhongo ukundilwa komhlambi weenkomo kusiyiwa kulotyolwa, umthile edlisela ngokuba unyana wakhe efikelele exabisweni lobudoda.

Bezikhutshwa kungabanjwe gazi ezo nkomo. Nale yokuxambula ngenani ize nendlala. Kumaxesha asendulo ayekhutshwa amashumi de kuyiwe ekhulwini, kulotyolwa. Lehla ngokwehla ke elo nani de yasisibhozo ukuya kwishumi elinesihlanu iinkomo zelobolo. Kambe ke, inani lomhlambi lalingena nto yakwenza nexabiso lentombi kuba umntu akanaxabiso lilingana nenkomo, yayiba libhongo nje.

Kwafika umlungu ke, wagrumba into phantsi komhlaba wayibumba wathi yeyona inexabiso ngaphezu kweenkomo, etsho ezithathela kuye ngeendlela ezahlukeneyo ke phofu ezo nkomo. Yaba iyaphela ke into eyayisaya kuthatha imihla ngemihla ukuququnjelwa, kusenziwa umntu wexabiso.

Kule mihla yemali siwuqhuba ngokuxambula lo mcimbi. Into yokuqala ekuxanjulwa ngayo lixabiso. “Yimalini ke inkomo yakho mkhozi?” Abuze atsho unozakuzaku.

“Inkomo yam ngamawaka amahlanu; ndizifuna zibe lishumi elinambini ziqhutywe ngehashi elinesali nomkhala!” Atsho ngokudlisela okukhulu umkhozi. Luqale ke uxambulo.

Apho umbi khona umcimbi wemali kule nkqubo kukwenza ngathi umntu unexabiso elilingana nemali. Ukubeka umyinge wemali ngomntu lisikizi. Kambe ke, akukho nto yimbi ingenziwayo kuba nemfuyo ayisekho. Kungena kuyekwa ke nokwendiselana ngenxa yokungabikho kweenkomo. Kungena kude kungalotyolwa ke kananjalo, nokuba kulotyolwa ngeengqatha zebhokhwe na.

Izohlwayo ezifana nokuvula uthango ngezantsi nazo zidala uxambulo. Nangona zisaziwa iinkomo zesisu ukuba zintlanu, kodwa kwakufikwa exabisweni lazo ngokwemali iba ngunomji.

Umoni uma entla athi akanoba ngathi ukhupha iinkomo zelobola kantu uhlawula isisu, atsho esithi ixabiso leenkomo zesisu alimele kulingana nexabiso leenkomo zokulobola. Ndingazi ke ngoku ukuba yinto eyintoni na loo nto, kuba inkomo yinkomo, akukho yokulobola kungekho yakuhlawula.

Ukongama kobubi kumcimbi wesisu kukuba uxoxwa ngabantu abaxabeneyo, ngokungafaniyo nowobulawu wona uxoxwa ngabantu abakhanayo.

Andifuni nokuwusondela ke mna umcimbi wesisu, kambe ke phaya kuthi uxoxwa ngabafazi ngasegoqweni, bekhatshwa yindoda yokubanqandela izinja. Awuyi ebuhlanti kuba awubobulawu linyala. Kambe ke ingathi sele usiya ebuhlanti kule mihla yokuphanjaniswa kwezinto, mhlawumbi naphaya kuthi zikhona iindawo eziwusayo.

Uswazi nesazi-mzi nemvula-mlomo ezibizwayo zaguquka kwimeko yazo. Nangona kwakukhutshwa iinkomo nje ngaphambili, kule mihla kukhutshwa iimbodlela zotywala bomlungu. Kanti ke ukufika kwazo iimbodlela ezi yayizizinto eziphathwa ngamagqobhoka ukwenzelana izibele, zingeyonxalenye yomcimbi. Zibizwa njengesimiselo ke namhlanje, endingaziyo ukuba ziyintoni na emcimbini apha zisihlazisa nje! Ndingathi xa ndikufekethela ngokukubiza ihambidlani usuke undinike imbodlela yotywala bomlungu, ucinge ukuba ndokholiswa yileyo nto? Ngxe, hayi mna!

Sizezo zimoyoywana ke nga siphuzwe yinja phambi kweentokazi kukuhlazwa yindlala. Izohlwayo nezithabathaba zakomkhulu yimbodlela nemali kule mihla, izinto ezazilibhongo azisenandawo. Ilobola ngumgodi nabasebenzi bawo. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.