IYunivesithi iFort Hare sele ingene gabalala kwimibhiyozo yayo yekhulu leminyaka, kwaye imema lonke ihlabathi ukuba lubhiyoze nayo kwikhampasi yayo yembali eseDikeni.
Oku kwenzeka logama amaziko emfundo ephakamileyo esazikhotha amanxeba emva koqhankqalazo lwabafundi abafuna ukuba imfundo ingahlawulelwa nepeni emdaka.
Izolo, abafundi kwakunye nabasebenzi baqalise iphulo lokucoca elizikomfundo lembali. Le yunivesithi, ekwadume ngegama likaNokholeji, yasekwa ngomhla wesibhozo kuFebruwari ka1916 eDikeni.
Kwinkcazelo ekhutshwe yile yunivesithi kutshanje, imibhiyozo yeminyaka elikhulu izakubanjelwa eDikeni ngomhla wesibhozo kwinyanga ezayo, logama isihika-hika setheko sale mibhiyozo, nesizakukhokelwa ngurhulumente kazwelonke, sizakubanjwa ngenyanga kaMeyi.
Ngomhla wesibhozo kuFebruwari, izithethi ezilindelekileyo ziquka iNkulumbuso uPhumulo Masualle, inkokeli ye-IFP uMangosuthu Buthelezi (obesakuba ngumfundi eFort Hare) kwanomphathiswa uNzimande.
Le yunivesithi ivelise iinkokeli zase-Afrika nekubalwa kuzo esele zikhe zangoomongameli kumazwe azo. Ezinkokeli ziquka uNelson Mandela welilizwe, uYusuf Lule wase-Uganda, Robert Mugabe waseZimbabwe, Seretse Khama waseBotswana no-Ntsu Mokhehle waseLesotho. “La mazwe azakuba yinxalenye yale mibhiyozo,” itshilo iyunivesithi.
Ezinye iindwalutho ezifunde eFort Hare ziquka * -Oliver Tambo, Govan Mbeki, Zachariah Keodirelang “ZK” Matthews, Robert Sobukwe, Chris Hani kwanombhali * -Archibald Campbell (AC) Jordan ukubala nje abambalwa.
isibhalo@inl.co.za
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates