Izwi Lethemba FM inenkqubo yeBhrakfesi entsha

Abasasazi besikhululo Izwi Lethemba abasasaza kwinkqubo entsha ethi iSilulo Ulutho Breakfast Show uLethemba Ntobeko Nkume (Rhadebe omkhulu), Chwayita Gaya (CG) kunye noMxolisi Puwa (Mr B) umfanekiso: Siyanda Zakhe

Isikhululo sosasazo sasekuhlaleni esizinze eParkside eMonti Izwi Lethemba FM 93.8 sityhile kwelinye ikhasi ngoku nanjengoko sithe gqi nenkqubo entsha yasekuseni, ebizwa ngokuba yiSilulo Ulutho Breakfast Show (SBS).

Le nkqubo iqala ngentsimbi yesithandathu kusasa ukuya kuthi ga ngeyethoba ukusukela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu. Esi sikhululo besisoloko sisaziwa njengesikhululo senkolo. Ngokokutsho komphathi sikhululo uGqirha T. Selepe, uluntu lulwamkele olu tshintsho.“Ndiqale ngokwenza uphando phambi kokwenza isigqibo ngotshintsho. Ndibe nendibano nebhodi, kwakunye nabahlali ukuva izimvo zabo malunga nolu tshintsho. Emva koko ndityelele izikhululo ezahlukeneyo zalapha ukujonga ukuba zona ingaba zenza kanjani na.

“Eyona njongo kukuvuselela uluntu bathi besiya emsebenzini aye umntu enethemba onwabile. Okubalulekileyo kukusondeza uluntu kwisikhululo sabo njengoko isikhululo iseso luntu,” utshilo uSelepe.

USelepe unolwazi oluphangaleleyo ngokusebenza kwizikhululo zasekuhlaleni, kwiminyaka ayichithe kweziseNtshona Koloni kwakunye naseRhawutini. Sele eneminyaka engapha kwamashumi amabini kwaye uyakwazi okufanele unomathotholo.

“Le nkqubo yamkela umntu wonke ayinaminyaka itheni umdala umncinci ifika ithi nca kuwe,” woleke ngelo uGqirha Selepe.

Abasasazi beSBS nguNtobeko Nkume Radebe omkhulu, Mxolisi Puwa, MR B bekhatshwa ngowasetyhini uCwayita Mayekiso Gaya obizwa ngoCG.

Ngethuba sibatyelele kwisikhululo sabo bebengapha kweqondo ngohlobo ebebonwabe ngalo kubonakala ukuba ngenene bayayonwabela kwaye bazinikele kolu sana labo lutsha iSBS. Sele inentsuku ezilishumi kuphela njengoko iqale kwiveki ephelileyo, kodwa sele kungathi kudala iqhuba.

UNkume ongumbhexeshi ophambili weSBS, uthi ngalo mzuzu sele beziguqule izimo zoluntu ngokomoya, ngokokubona uhlobo abaphulaphuli abathe basabela ngalo.

“Ngaphakathi izele ithe qhu lenkqubo usuku nosuku sinomxholo esinawo ojongene noluntu. Ezempilo, ezopolitiko ezosaziwayo, iziqhulo akukhonto ingekhoyo. Ivulele wonke umntu kwanabo bakwiHip-hop bebekade bengenalo ithuba banalo ngoku,” utshilo uNkume.

Uqhube wathi nakwezinye iinkqubo bazakuncedisa ukwenzela ukuba nazo zibe ngundaba mlonyeni.

Eli qela alilitshanga kwesi sikhululo kuba bebekade besenza ezinye iinkqubo ngaphambili, abasaqhubekayo nazo. Izwi Lethemba ifumaneka ku93.8.