Jesse Jackson: Yintsikelelo kum ukwazana noWinnie

UWinnie Madikizela-Mandela ekunye noRev. Jesse Jackson kwakunye noHillary Clinton ngethuba kubekwa uNelson Mandela njengoMongameli weli ngekaCanzibe ngo1994

Itshantliziyo lamalungelo oluntu kwanonyawontle uMfundisi Jesse Jackson waseMelika ugalelekile eMzantsi Afrika ukuza kunika imbeko kwigqala lomzabalazo uWinnie Madikizela-Mandela.


UJackson, owayebhale kuTwitter elilisana noMzantsi Afrika kwiiyure ezimbalwa emva kokuvakala kweendaba zokubhubha kukaMadikizela-Mandela, uthi eli qhawekazi beliyintsika negalelo kongasekhoyo uNelson Mandela.

Lo nyawontle uthi ebengumhlobo kuMadikizela-Mandela, esithi uMadikizela-Mandela udlale indima engenambaliso kumzabalazo wokukhulula uluntu loMzantsi Afrika kumatyathanga engcinezelo.


“Akazange ayeke ukulwela abantu, de kwabe kusekubhubheni kwakhe. UWinnie wawugcina uphila [umbutho iANC] ngethuba lengcinezelo eMzantsi Afrika. Yiyo lo nto ndize apha. Ndikubona njengentsikelelo ukwazana nalo mama,” utshilo uJackson.


Ukanti namhlanje (ngoLwesihlanu) uluntu luza kube luyinxalenye nomlindo kaMadikizela-Mandela kwiholo yoluntu eOrlando eSoweto, ze ngoMgqibelo (ngomso) indimbane ingungelane eOrlando Stadium kumngcwabo weli gorhakazi.