Jonas Gwangwa (1937-2021)

EMAXHOSENI, Flowers of the Nation, Morwa, Batsumi, Kgomo!

Ezi zezinye zeengoma athe waduma ngazo uJonas Gwangwa (1937-2021), igqala kumculo womngqungqo.

Kodwa uGwangwa, obhubhe ngoMgqibelo, akukwazeki ukubalisa ibali lakhe ngezomculo kuphela, ushiye ubutshantliziyo bakhe kwezopolitiko.

Igqala lemvumi yomculo weJazz uJonas Gwangwa ube ngomnye weemvumi ebezonwabisa abantu kumnyhadala womculo iBuyelekhaya Festival eMonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UGwangwa ubhubhe kwiintsuku ezilishumi elinesithathu emva kokubhubha kwenkosikazi yakhe, uViolet.

Usapho lwakhe luthi le yilahleko engathethekiyo. “Njengomyeni, utata, utamkhulu kwanomhlobo obenothando, iintliziyo zethu zithatha zibeka ngenxa yale lahleko engathethekiyo. Igalelo likaGqr. Gwangwa kwihlabathi, kubutshantliziyo, kwanakumculo, laziwa zizigidi zehlabathi. Sisikelelekile ukuba yinxalenye kwanomzila onjengalo awuhambileyo,” lutshilo usapho.

UMongameli Cyril Ramaphosa uthi uGwangwa ligorha elakuhlala likhunjulwa ngemisebenzi yalo. “Wayesonwabisa abantu ngomculo eSophiatown de yayinto engekho semthethweni kubantu abamnyama ukudibanela, ze iimvumi zaseMzantsi Afrika zabanjelwa ukusebenzisa izakhono zazo zokucula,” utshilo uRamaphosa.

UGwangwa uchithe iminyaka engaphaya kwamashumi amathathu elubhacweni. Waphantse wabhubha ngo1985 ngethuba ikhaya lakhe lintunyekwa ngebhombo ngamapolisa engcinezelo.