#JoyousCelebration21 iya eMissionvale eNMMU

UKUSUKELA ngonyaka ka1994 ngethuba eli libon’ ilanga lenkululeko, lowo yayikwangunyaka wokuqala kweJoyous Celebration.

ULindelani Mkhize, uJabu Hlongwane noMthunzi Namba – babenombono owodwa wokubulela uThixo ngokukhanya kwilizwe loMzantsi Afrika emva kwezidube-dube zorhulumente wangaphambili.

Babefuna nje ukubulela uMadiba ngokulwela ilizwe, bebulela uMdali ngoMzantsi Afrika omtsha.

Namhlanje, le kwayala yendumiso, sele ilandelwa phantse luluntu lonke kwilizwe loMzantsi Afrika – kwaye ithandwa kwihlabathi jikelele. Ngoku, iJoyous Celebration ikhupha icwecwe labo lama-21 (Joyous Celebration 21 Heal our Land)!

UHlongwane, omnye wabasunguli beJoyous, undwendwele I’solezwe eMonti, nalapho asixelele ukuba iJoyous iza nemvuselelo engaqhelekanga.

Kule mpelaveki, abantu baseBhayi nabaphuma kwiindawo eziliqela zephondo leMpuma Koloni, bazakufumana icham leentsuku ezimbini zokuva ubuncwane beli cwecwe lama-21.

“Sizokuphakamisa umoya wabo bafelwe ngumoya; sizokudumisa kwanabo bangakhonziyo.” Eli cwecwe litsha leJoyous lishicilelwe kwinkonzo kaPastor TD Jakes eMelika ngenyanga yoMnga nyakenye. “Sele sishicilele kwiindawo ezininzi eMzantsi Afrika. Besifuna indawo enomohluko kuba kaloku singena kwiminyaka engama-21 ngoku,” utsho uHlongwane.

Uthi le iJoyous ayiseyiyo eyoMzantsi Afrika kuphela. “Yeyamazwe ngamazwe. Sifumana iminxeba kumazwe ngamazwe.” UHlongwane uthi abantu bamanye amazwe nabangentetho isisiXhosa okanye isiNgesi – bayayonwabela iJoyous, kwaye bayazazi iingoma zabo. “Eyona nto ibenzela lula sikhupha icwecwe phambi kokuba senze ikhonsathi. Iingoma zethu zibhalwa koobhaza-bhaza boomabonakude kwalapha kwikhonsathi.”

“Akukho nzima ukulandela iingoma zethu – kungekho nzima nokuzikugidela,” kutsho uHlongwane.

IJoyous inamalungu angama-35 nalishumi kwizandi. Umxholo abeza nawo eBhayi uthi “Heal our Land”. Ephawula ngalo mxholo, uHlongwane uthe: “Simema abahlali sizokuthandaza. Sithandazela ilizwe lethu, ipolitiki engazinzanga yelizwe.” Idinga liseBhayi ngomso uLwesihlanu nangoMgqibelo (5 ne-6 kuCanzibe) ngentsimbi yesixhenxe kwiholo iMissionvale eNMMU.

UHlongwane ukwasixelele ukuba abantu ze bazi ukuba akukho ndawo yokubeka izithuthi ngaphakathi eMissionvale Campus Hall, bayacelwa iimoto zabo bazishiye eDan Qeqe Stadium nalapho bayakuthi balandwe khona zizithuthi ezilungiselelwe bona. Uthi bangaxhali ngokhuseleko lweemoto ezo ngokuba lucwangcisiwe. Ukwacele abantu ukuba bafike ngexesha ukuze babenako ukufota namalungu weJoyous, bafumane izikipa neekepusi zeJoyous.

Amatikiti aqala kwi-R190 eShoprite naseComputicket.

Bafumane kuFacebook: MyJoyous

Twitter: @JoyousSA