JUNE16: Bazali nisilibele!

Abo banolwazi bakukuxelela ukuba ubunkokeli yinto esegazini, hayi oyiqeqeshelwayo.

Ulutsha ke ngabantu apha ekuye kucingwe ukuba ziinkokeli zangomso kwaye baye banikwe amaqonga okuzibonakalisa. Uyakufika ezikolweni benikwa amaqonga okuba ziinduna, okuba ngoomongameli babafundi, iinkokeli zemibutho yepolitiki yolutsha, nezinye. Konke oku ngelizama ukuhlohla ubunkokeli kubo.

Olo xanduva, ikwa lolo xanduva lwaluxwaywe ngooTsietsi Mashinini, Mbuyisa Makhubu, Khotso Seatlholo nezinye iinkokeli zolutsha ezazithweswe ngoxanduva lokukhokela ngoogxa babo phaya kwiminyaka engama-41 edlulileyo.

Ngoko ke, phaya koo-1976, olo lutsha zange lulinde ukuxelelwa ngabadala ukuba malwenze njani. Bangena esitratweni, bangqala ngqo kwisikhokelo sorhulumente wengcinezelo.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo kweli sifumanisa ukuba intetho ethi ‘ngokusiya zitshintsha izinto, kungona zihlala ziyilanto zaziyiyo!’

La msindo wabafundi baka-1976 ikwa ngulo msindo siwubona kubafundi banamhlanje. Ulutsha lufuna ukulungisa ukungabikho kokulingana kweli. Kunanamhlanje.

Njengokuba sibhiyozela olunye usuku luka ‘June 16’ kufuneka sithathe eli thuba sizikhumbuze ukuba ziphi na ezona nkokeli zolutsha.

Njengokuba sikhumbula ubugorha bolutsha luka 1976 kufuneka thina sisisizwe sizigocagoce, sizibuze ukuba ingaba na isikhalo solutsha lwanamhlanje sakuphelela esitratweni kuphela?

Ingaba sakukwazi na ukubalungiselela xa bekhala ngemfundo esimahla? Ingaba sakukwazi na ukubanceda xa befuna iinkqubo zokuxhasa amashishini amatsha? Okanye sifuna bazithathele zonke ezi zinto?

Elinye lamatshantliziyo lwemfundo esimahla namalungelo abafundi, uBusisiwe Seabe, xeshikweni ethetha kwisikolo saseSoweto, ukhale ngelithi “Bazali nisilibele!” esithi abadala neenkokeli abafuni ukunikezela ngolawulo kulutsha. Abadala nabatsha abathethi ngazwi linye xa beqingqa ikamva. Yingozi yodwa leyo!

Ingakumbi apha eMpuma Koloni; ziphi iinkokeli ezilulutsha kurhulumento lweli phondo?