NgoMvulo iza kube ilusuku loxolelwaniso nolwaziwa ngokuba yiReconciliation Day, uzungaphoswa ke kuba iMetro FM izisa umnyhadala wayo waminyaka le iHeatwave eBuffalo Park Stadium eMonti.
Abo uza kube ubonwabela nabo bekonwabisa yiBoom Shaka, DJ Tira, Lwah Ndlunkulu, Lulo Café, The Naked DJ, Lerato Kganyago, Tyler ICU, Zintle Kwaaiman kwakunye nabanye abazakumane bebhengezwa ngokuye kuhamba iintsuku ngabaququzeleli beHeatwave.
Amatikiti aqala kuR200 ukunyuka kwaye ayafumaneka naseComputicket. Amasango eBuffalo Park aza kuvulwa ngentsimbi yeshumi elinesibini emini emaqanda (12pm) kude kube sezinzulwini zobusuku (12am).
IMetro FM Heatwave ngumnyhadala womculo wolonwabo oqhutywa sesinye sezikhululo zikanomathotholo ezihamba phambili eMzantsi Afrika, iMetro FM. Lo mnyhadala uye uqhube kwiidolophu ezohlukeneyo kumaphondo amane (4) ngexesha leziyunguma zokuphela konyaka.
UManejala wesikhululo iMetro FM, uKina Nhlengethwa, uthi iHeatwave yenye yeenqkubo okanye iminyhadala yabo yonyaka egqamileyo. “Sihlala sikuvuyela ukuzisa ulonwabo nenkumbulo ezingenakulibaleka kubaphulaphuli bethu, kubathandi kwanabalandeli bethu. Uluhlu esinalo lweemvumi nooDJ, siqinisekile ukuba eyalo unyaka iHeatwave iza kuba yeyona ibalaseleyo kunezinye,” utshilo uNhlengethwa.
Kulo unyaka, inkampani yobuchwepheshe jikelele iHONOR, ingumxhasi ophambili womnyhadala weHeatwave njengoko isebenzisana neMetro FM.
“Luchulumanco kuthi ukusebenzisana neMetro FM ngokuthi sizise ulonwabo kubathandi bomculo kuMzantsi Afrika uphela,” utshilo uFred Zhou onguMphathi weHONOR South Africa.
Uthi inkampani yabo izimisele ukuxhobisa abantu abatsha balandele amaphupho abo nabakuthandayo.
Useziseleni uGogo Maweni!