#Kamva: Bandityhola ndingazange ndalala naye

Baphume ngobuninzi abahlali baseMdantsane baqhankqalaza, bavala indlu ehlala amakhosikazi akhulule afota intwazana yala ndawo beyityhola ngokulala nendoda yenye yawoUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Intwazana yaseMdantsane kwaN.U.3 uKamva Dala (21), obe ngundabamlonyeni emva kokuxhonywa komfanekiso wakhe kumakhasi onxibelelwano ngamanye amakhosikazi ehamba ze, uthi ebengazukuba nomsindo ukuba ebelele nayo ngokwenene le ndoda atyholwa ngayo.

Umfanekiso oshicilelweyo kaDala, ehamba ze ehlekwa ngamanye amakhosikazi, wenze isankxwe kumakhasi onxibelelwano emva kokuba ekhululiswe ngamakhosikazi amathathu kuba emtyhola ngokulala nendoda yenye yala makhosikazi.

UDala ebelungiselela ukuya eLovedale College apho afunda khona ngethuba ebizwa ngala makhosikazi mathathu. Amarhe kumakhasi onxibelelwano ebesithi uDala ubanjwe endodeni yomntu, kanti akunjalo.

Uthi bamkhwaza bambizela endlini, wangena eyokusabela kuba beqhelene naba, bambuza ngochuku lwendoda besithi, uyenza njani into yokulala nendoda engeyoyakhe. Uqhuba athi baqalisa ukumkhulula iimpahla bemhambisa ze, ngaxeshanye bemthatha ividiyo.

“Esele indicaphukisa into kukuba andilelanga naye lo mntu ndikrokrelwa kuye, bekungase bandikhululisele into eyiyo kwaye endiyenzileyo.

“Le nto bendiyifihla ingakumbi kusapho lwam, kodwa ndabe ndiqonda ukuba ekugqibeleni iza kuvela kumakhasi onxibelelwano. Bendingafuni noyibuzwa le nto ndilila, bendingasakwazi nokuzilwela kuba kumakhasi onxibelelwano ibisele ithethwe ngenye indlela,” utshilo uDala.

“Bendingumntu olala ngeepilisi kodwa emva kwesi siganeko ndiyekile, ndiqinile, ingakumbi nokubona inkxaso engaka evela kubahlali. Akhange ndiyilindele, bendicinga ndizokuzifihla kube nzima nokuphuma endlini,” itshilo le ntwazana.

Utata kaKamva, uNdodekhaya Dala, uthi kumophule umphefumlo okwenzeke kwintwazana yakhe, kusenziwa ngamanye amanina ingakumbi ngale nyanga yokubhiyozela amanina.

“Umntwana wam uhleli engekho mhle empilweni engumntu osebenzisa iipilisi zoxinizelelo.”

Uthi akakhange aluxolele usapho lwabenzi bobubi ngethuba liyokucela uxolo.

Uthi unobangela kukuba beze bodwa abazali, abezanga bona aba bebekhululisa.

UNomvula Mahashe okwikomiti yeWadi yakwa-N.U.3, nongomnye wabaququzelele umngcelele wenkxaso ngakwixhoba, uthi abakwazi kuthula kusenzeka le nto kwelinye inina isenziwa lelinye, baza kulwa ude umthetho udlale indawo yawo.

Ikhaya labakhululise uDala liye lavalwa ngeqhaga ngabahlali, bakhutshelwa ngaphandle ngoMgqibelo.

Umama osele ekhulile uWeziwe Teke (61) wakwa-N.U.3, obeyinxalenye nomngcelele, uthi: “Ndimdala ndimngaka nje ndihamba ngentonga, kodwa ndibone kubalulekile ukuba ndiphume kuba imbi le nto. Ibuhlungu ingakumbi abantwana besazana, bekhula bonke.”

UDala, ovule ityala ngakula makhosikazi mathathu, uthi ufuna ubulungisa ngokwenzeke kuye. Isithethi samapolisa uKapteni Mluleki Mbi uthi amakhosikazi atyholwayo awakabanjwa.