Kanti isiXhosa esi sithethwa phi?

Ndihlala ndimangala kukutenxa kwendlela esithethwa ngayo isiXhosa ngabantu abathile abangamaXhosa, ndingazi basithatha phi na esinjalo.

Nanjengengcali yolwimi, ndiyazi ukuba isiXhosa sithethwa ngokwahlukileyo kwiindawo ezahlukileyo.

Isikhalo sam ngokuthethwa kwesiXhosa kakubi akunanto yakwenza nokwahluka kweendawo ke ngoko, kumalunga nomgangatho ophantsi, enokuba umntu ukowuphi na ummandla.

Anduya ke kwimizekelo, ndicinga ukuba wonke umntu ongumXhosa unako ukusiva isiXhosa esitenxileyo.

Kuxa kudibene amabhenxa odwa ke apho kungekho unokuva omnye. Apho ndikhoyo ke kusekubeni inokuba abantu abathetha tenxileyo basiva phi isiXhosa abasithethayo.

Bangangoboya benja kumajelo ezosasazo abathetha isiXhosa esitenxileyo. Abasifumananga kulawo majelo ezosasazo ke eso siXhosa, basuka naso kwiindawo abasuka kuzo.

Basithatha kubani ke kwezo ndawo basuka kuzo? Ukuba basithatha ebazalini, makube mabhanxeke ngaliphi ixesha, ingabona bekumele ukuba basithetha ngokuchubekileyo nje isiXhosa?

Ukuba bendisingise kumarhumsha bendothi sisiXhosa sasesitalatweni, kuba isirhumsha siyilwa esitalatweni ngabomu.

IsiXhosa endikhalela sona ayisosasesitalatweni, kwaye asilolwimi luyilwe tenxileyo ngabomu njengesirhumsha sona siyilelwa ubunqalintloko; sisiXhosa endicinga ukuba sakheka ngokwesizukulwana esimiyo. Ingxaki yam ke kukuba esi sizukulwana sisiva phi na esi siXhosa sisithethayo?

Ndiyeke kunjalo ke ngombuzo wokuba sithathwa phi na esi siXhosa, kuba andinampendulo yawo lowo mbuzo.

Mandize kwendiyaziyo into, le yokuba sithathwa phi na isiXhosa esisulungekileyo. Yhe zinkosi! Mna ndike ndaweva amaXhosa ethetha, ndachola kunjalo nje. Wena ke mntu ungekaweva amaXhosa ethetha uselishweni.

Ngamini ithile, ndibuzana namfo uthile ndidibene naye kwagqirha. Uthi akuzichaza azibize ngesiduko somfo endiphangela naye. Ndithi kuye ndinomfo endiphangela naye osesi siduko sakhe, nditsho ndimchaza.

Uphendule ngokukhawuleza umfo wasemzini wathi “Pewu! Yeka, akumazi!” Leyo ntetha iyodwa yathetha into eninzi endiyaziyo ngalo mfo ndiphangela naye. Ndaba nako ukuyitolika leyo ntetha imfutshane injalo, kuba ndike ndaweva amaXhosa ethetha.

“Mkhozi usifikele ngendlala. Sele sabazizixhwithantamo kulo mzi, ngenxa yembalela. Asingomzi lo uzifake kuwo mntu wasemzini, siziimpulazikalujaca, imipha echutywe yalahlwa! Bamba nanzi iinkobe uququde mntu wasemzini, noko akufana nokulala ngamanzi usuka kude kangaka. Camagu!”

Kutsho iqina lendoda limi ecaleni lengaphakathi lomnyango wendlu yabakhozi, linamakhwenkwe okanye abafana ababambe uphampatha wenkabi yegusha, ithiwe muku ngentloko emnyango. Kazi ntetha ni na leyo lawundini?

“Nangu umgquba mfo wam, bophelela esondweni lengubo. Naphi na apho uya kuthi ugxumeke nokuba liphempe khona ekukhuleni kwakho, nokuba kukuma kwakho lo mzi, uze ungapheli umgquba emasangweni akho. Nanzi neenkozo zombona, zingapheli emasangweni akho ukuba ufuna ukubanomzi ofudumeleyo.

Nangu umkhonto, uze uthi wakube uzingxale ngerhewu elinemisila, lithi lakuphuphumela emathatheni akho undihlabe ngawo, ukhangele ukuba uyakuba yintoni na emva koko.

Nalo uswazi esandleni sakho, ukuba akuthanga wahlukane nalo uya kuba nembewu entle.” Yhe zinkosi, mna ndike ndaweva amaXhosa ethetha!

“Uthathe lo nje ke, akuthathanga ntombi, uthathe ingubo yam. Undihlubile mfo wam, kungokunje ke umhlan’ uphandle; uza kuwugquma ke!” Lawo ngamazwi endaweva kumkhwe eyala umkhwenyana.

Kazi uhamba zindawo zini na ke wena mntu endinguye ungakeweva amaXhosa ethetha isiXhosa sakokwawo?

Kunje nje isingathi kukunqaba kwembadu neendawo zokuyiwa luluntu ukuze kuviwe amaXhosa ethetha. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.