Kanti ngomphi oyena Nomahelele?

Mncedi Nomahelele Lwabi

EMVA kokuba uMthobele “Nomahelele” Chakaza othi ungowaseNgobozana eTabase eMthatha ethe wenza udliwanondlebe nenkqubo yoMhlobo Wenene FM kwiveki ephelileyo, iindaba zokuba uChakaza “uxoka ngoNomahelele” zivele zanwenwa.

UChakaza uthethe neBhrakfesi Eyondlayo Ekuseni (BEE), apho abantu babonakale ngokulonwabela udliwanondlebe lwakhe ngenxa yeziqhulo athe wazisebenzisa ezifana nokuba oba tywala ebebebusela baqhele ukubusela kuphela ngemihla yeziyunguma zokuphela konyaka.

Ekuphandeni, I’solezwe lesiXhosa lithethe nawo omabini la madoda. Eyokuqala yile ibithetha noMhlobo Wenene FM, eyesibini yile iphikisa uChakaza nekwamemelela ukuba kuyekwe ukuxokwa ngegama layo.

UNomahelele oqale wathetha neBEE uxelele I’solezwe esithi: “NdingowaseNgobozana eTabase eMthatha. Igama lam ndinguMthobele Chakaza, ndineminyaka eyi48. Ndisebenza ngokwakha izindlu.”

Simbuze ngesa sehlo sokushusha, uphendule ngelithi: “Ndineentloni kuba aba bantu bafote mna ndodwa, iphume nam ndodwa le nto. Abantu bathi akukho apho ndingabonwanga khona.”

“Xa uyinjoli apha eNgobozana, iba nguwe olawula utywala ukuba ootata baza kufumana oku, abafana baza kufumana obu. La mini ibindim othungayo utywala, qha ndizimoshe ngobuxuba. Ezinye izinto eziselwayo besiqala ukuzibona phaya la mini. Sasisemgidini phaya. La mama undiqhuba ngekiliva kula vidiyo ngumama wam ogama linguNomafihlo,” utshilo uChakaza.

Ukwayiphindile le nto ebeyithetha kwiBEE yokuba abantu mabangabuxubi utywala.

“Into endiyicebisayo kukuba abantu mabangabuxubi utywala, futhi umntu makatye phambi kokuba asele utywala. La mini ndasela ndingatyanga. Enye into engafunekiyo yile yokusela iibhiya ezishushu.”

Ethetha ngesiteketiso esithi Nomahelele, uthe: “Sisiteketiso endasiphiwa ngutata owayesithatha apho wayesebenza khona emgodini eRhawutini.”

Emva koku sithethe nale ndoda ethi uNomahelele yiyo, yaphendula ngelithi: “Igama lam ndinguMncedi Lwabi (29) waseLwandlana eTabase eMthatha. Andisebenzi, ndizihlalela apha elalini.”

Simbuze ngesa sehlo sokushusha, uphendule ngelithi: “Andizange ndithandisise [emva kokubona la vidiyo]. Sasisela kumhlinzeko [umbulelo], hayi emgidini. Yinto yangeza mini zePasika kulo nyaka le. Ndasela kakhulu, bandibhida utywala. Lo nto yaphinda yenziwa ngumvandedwa wokungasebenzi kwam, kuba ndihleli nje apha elalini.”

Sibuze uLwabi ukuba uthini ngokuva ukuba kukho indoda ethethe noMhlobo Wenene FM izenza yena: “Ndiyivile le yokuba kukho umntu obethetha kuMhlobo Wenene ezenza mna. Ndothukile, ndavele ndaneentloni kakhulu.”

“Andiyonjoli mna, lo mntu makayeke ukuxoka ngam. Akukho kwale nto yokuba bendiqala ukubona utywala obunjeya. Besisela phaya iibhranti neebhiya ezi sizaziyo, qha mna ndiye ngamandla. La mama ebendiqhuba ngekiliva yinkosikazi katatomncinci, kwaye igama lakhe nguNolusapho.

“Igama elithi Nomahelele ndalithiywa ngumakhulu wam. Ndiyaqala ukuthetha nabeendaba ngani [ebhekisa kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa]. Zange ndithethe noMhlobo Wenene FM mna,” utshilo uLwabi.