Kazi wozala nkomoni u2020?

Intetho kaMongameli weANC uCyril Ramaphosa yomhla wesibhozo kule nyanga kumele ukuba ibeyenye yeziseko zezinto ezilindelwe ngabantu beli kulo nyaka.

Nanjengoko zininzi iingxaki ezibhuqa abantu ezibangelwa kukungakhuli koqoqosho, amandla werandi, iimeko ezingazinzanga zopolitiko kumazwe ehlabathi;

Ukuxhalaba kwabatyalizimali ngenxa yemeko yoqoqosho lweli, ubuqhophololo, nobusela nembalela ethandabuzisa abo bavelisa ukutya okunenxaxheba kumaxabiso okutya;

Isicwangciso sakhe kwiinzame zokulwa nentswelangqesho, iimfuno zabafundi, izicwangciso zemibutho ephikisayo zokusebenzisa lo nyaka ukuvakalisa intlungu, zezinye zezinto ekulindeleke ukuba agxile kuzo.

Kodwa imbali ibonisa ukuba izithembiso zoko kucwangcisiweyo ngulo mbutho kufumana imicelimngeni esuka ngaphakathi kwakulo mbutho ulawulayo.

Okona kunika umdla ngonyaka ka2020 kukuba ngunyaka owandulela ulonyulo loomasipala oluye luthathelwe phezulu kakhulu ngabavoti kwakunye nemibutho ephikisayo.

Ucimicimi wombane ngowona mcelimngeni ubonakalayo ngoku kuthethwayo, lo cimicimi uthwaxa ngokucacileyo intlalo yoluntu, ubanga umsindo neentandabuzo kwabezoshishino.

Ingxoxo engokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo kwabo banezigebenga zomhlaba kufunzela ingcingane yokuba amafama acinge ukulishiya eli okanye atshintshele kwezinye iindlela zokusebenzisa umhlaba.

Ingxelo zabakwaStatistics South Africa zibonisa ukuba linyuka minyaka le inani lamafama amhlophe ashiya ilizwe loMzantsi Afrika.

Ukushiya kwabo eli akuyonto ibingalindelekanga, kodwa kazi ukuba sithini isicwangciso esithembakeleyo sokusetyenziswa kwaloo mihlaba esikhokelwe ngurhulumente.

Imbali yeenzame zikarhulumente zokunika amafama amnyama ithuba kushishino ezithi zingahambi ngendlela, kubangela iintandabuzo zokuba uza kuthwani, ngubani lo mhlaba xa ushiyiwe.

Iinkampani eziphantsi kukarhulumente ezidlakazwe bubusela zezinye zeengxaki ekumele ukuba athethe ngokucacileyo ngazo uRamaphosa, angenzi nje izithembiso eziqhelekileyo ezindlebeni zabemi beli.

Kwelinye icala umbutho weDA kulindeleke ukuba wonyule inkokheli yawo entsha ngenyanga kaTshazimpunzi walo nyaka, ekulindeleke ukuba kubuyiselwe amandla alahlekileyo kulo mbutho.

Kukwalindeleke ukuba lowo wonyulwe yiDA abuyisele isidima salo mbutho okanye awuqhubele kwelentibane lo mbutho ubukhe wathembisa.

Isicwangciso seDA esingacacanga ngomcimbi womhlaba ofunwa ngabantu abamnyama kweli ungahle ubesesinye sezizathu zokuhla kwamandla ayo.

Iimbono zeDA malunga neNational Health Insurance Fund kukwabonwa njengomnye woonobangela bokuhla kwenkxaso kulo mbutho. Isizwe sabaThembu silindele ukubona uzinzo, inkqubela nokubuyiswa kwesidima kwesi sizwe emva kokuphuma entolongweni kweKumkani yesi sizwe uBuyelekhaya Dalindyebo (Aaa! Zwelibanzi ).

AmaXhosa kwelinye icala alindele ukuva ngesikhokelo sawo emva kokukhothama kweKumkani wayo uMpendulo Zwelonke Sigcawu Aaa! Zwelonke.

Kazi ukuba iKomishini kaJaji uRaymond Zondo yona yoda iphelele phi nanjengoko icele ukwandiselwa ixesha lokuphanda ngokubanjwa ngobhongwane kukarhulumente ngamashishini abucala.

IiDemocrats eMelika zifuna intloko kaDonald Trump. Kuthwa uRobert Mugabe ufike ezulwini waxelela uThixo ukuba akanakuphathwa yenye indoda. Kazi wozala nkomoni ke u2020?