Khala uza kuzonzakalisa, kwabongoza abongikazi kumhlolokazi

UBulelwa Ndudula otyholwa ngokubulala umyeni wakhe uSakhekile UMFANEKISO OSELUGCINWENI

Abongikazi baseLife St Dominics eSouthernwood kwanyanzeleka ukuba bamcele uBulelwa Ndudula ukuba akhale ngokubhubha komyeni wakhe, kuba benoloyiko lokuba uyakonzakala umphefumlo ngokutya tyum ebhujelwe yindoda.


Oku kuvele kuVuyiseka Ngoqo kwinkundla ephakamileyo yaseMonti ngoLwesine, ngethuba kuxoxwa ityala likaBulelwa otyholwa ngokudubula abulale umyeni wakhe uSakhekile Ndudula, owayesebenza njengeNtloko yabaSebenzi (Chief of Staff) kwiSebe loPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni. 

USakhekile wadutyulwa izihlandlo eziliqela kwindlu yakhe nomfazi wakhe (uBulelwa) eCambridge West ngomhla weshumi elinesine kweyoMsintsi ngo2016.

Kutyholwa ukuba uSakhekile wadutyulwa nguBulelwa, kulandela ingxabano phakathi kwesi sibini.  

UNgoqo, ohlala kufuphi nakwaNdudula, watsalelwa umnxeba nguNoligwa Mkungeka owayeqashe indawo yokuhlala kwaNdudula.

“Ndafika uMnu. Ndudula elele kufuphi nasegaraji enegazi. Ndabuza kuNksz Ndudula ukuba uyifowunele na iambulensi, wathi ufowunele udadobawo wakhe. Samfaka emotweni uMnu. Ndudula, uNksz Ndudula wandinika isitshixo ukuba ndiqhube simse esibhedlele.


“Apha endleleni uNksz Ndudula wayencokola nam endixelela ukuba wayefunda noosisi bam. Akazange azikhathaze ngoMnu. Ndudula. Sathi sisaqhuba njalo ndeva uMnu. Ndudula ekhohlela, kodwa ndaqhuba de sayofika esibhedlele.

“Ekufikeni kwethu esibhedlele ndakhwaza uncedo, wabe uNksz Ndudula ehleli emotweni. Akuzange kube lixesha elide, ndabona sibizwa ngabongikazi besithi ubhubhile uMnu. Ndudula. Kulapho ndakhala khona, kodwa wabe uNksz Ndudula ethule ethe cwaka. Abongikazi bambeka ebhedini besithi makakhale kuba uza kuzonzakalisa ngokungakhali,” utshilo uNgoqo, enika ubungqina enkundleni.

UNgoqo uthi wajika waphindela kwaNdudula, apho athi wafika sele kugcwele amapolisa.

“Ndangena ngaphakathi endlini nelinye ipolisa safika ibhedi abalala kuyo ingahlelanga ngendlela, kukwakho nemingxunya yeembumbulu zompu ephahleni.”

UNgoqo ukwathe ngethuba besisa umfi esibhedlele waxelelwa nguBulelwa ukuba uSakhekile ebekhe wafumana izigrogriso kubantu beANC. Kodwa amapolisa ayakuphikisa oku, esithi uSakhekile akazange abephantsi kwezigrogriso kwiANC.  

Ngethuba lokuxoxwa kwetyala, uBulelwa ebekhululekile enkundleni emana ukuncuma ngethuba emamele ubungqina obebunikezelwa nguNgoqo.

Igqwetha likaBulelwa uMike Maseti usebenzise ubuchule bokugqwetha efuna ukukhaba yonke into ebithethwa nguNgoqo, kodwa uNgoqo uxelele inkundla ukuba into ayithethayo yinto eyenzekayo. Ityala liyaqhuba namhlanje.