‘Khange ndivumele intlupheko iphazamisane nempumelelo yam’

Umfundi ophumelele kakuhle, uSiphindile Zitha

“Khange ndivumele ukuba intlupheko yasekhaya indivalele ekufundeni ngokuzimisela, indenze ndazimisela ngakumbi kuba ndiyazi ukuba yimfundo kuphela enokusikhupha kule ntlupheko.”

Lawo ngamazwi omfundi waseLusikisiki uSiphindile Zitha ophumelele emagqabini kwiimviwo zebanga leshumi, kwisikolo iMgezwa High School esiseLusikisiki.

Uphumelele isiXhosa ngo-level 6, English 5, Mathematics 6, Life Sciences 6, Physical Sciences 5, kwakunye neGeography ayiphumelele nge-distinction, * -level 7.

Le ntwazana inamashumi amabini eminyaka ubudala nengumhlali kwilokishi yaseMalizole eLusikisiki ithi ifuna ukwenza izifundo zobugqirha eyunivesithi.

Inkxalabo yale ntwazana yakwaZitha kukuba idinga imali yokuqhubekeka, kwaye ifuna inkxaso yokuphumeza elo phupha.

UZitha uphuma kwikhaya elingathathi ntweni, nanjengoko kungekho mntu usebenzayo onokuthi amncedise ekuqhubekeni nezifundo zakhe.

“Nagona bendisazi ukuba akukho mntu ozakundibhatalela izifundo zam kodwa lo nto khange indenze ukuba ndingazimiseli ezifundweni ngethuba ndibhala iimviwo zokuphela konyaka,” utsho uZitha.

Abazali bale ntwazana basaphila bobabini kodwa abasebenzi kwaye uhlala nomakazi wakhe. “Ndifuna ukuqhubeka nezifundo zam khon’ ukuze sizokwazi ukuphila impilo engcono,” utshilo.

UZitha uhlala namalungu osapho amathandathu kwityotyombe elimagumbi mabini elinethayo ngexesha lemvula. Uthi yintlalo ayihleliyo emkhuthazileyo kwimpumelelo yebanga leshumi.

OkaZitha uthi azange afake sicelo sokufunda emva kwezi mviwo kwangenxa yesizathu semali. Uthi ulangazelela ukuya nakweyiphi na iyunivesithi anokufundela kuyo ubugqirha.

“Ndingavuya kakhulu xa ndinokufumana uncedo kuba andifuni ukuhlala ekhaya ndingafundi,” utsho uZitha.

isibhalo@inl.co.za