Khanindiqondisise ngeqakamba!

Xa into ungayazi okanye ungayichani ncam ingcombolo yayo, ingxam yayo nenkqu yayo, kubalulekile ke ngoko ukuba ube yimfunalwazi malunga nayo, ukuze ungazibhaqi sele uqulunqa izigqibo ezingachanekanga ngayo, kungenjalo uphele ugqwidiza kuba ungenayo ncam ingqiqo ngayo, kuba kaloku awukhange uqale uqonde banzi ngayo.

Ukuze ukhuseleke, uphephe kwaye ungaxhaphazeki zizigxeko zooxhaph’izinyembo abangooxholovane bokuxwaxwa, elam lithi, qala uqonde.

Kweli binza okanye inqakwana lesibhalo ke bathandi besiXhosa, bathandi bamaXhosa kwanabathandi bamaqhawe ankalo zonke zentlalo nesizwe, amaqhawe namaqhawekazi aphakamisela phezulu iflegi yomzi kaXhosa, ndenza isicelo sokucaciselwa nokuqondiswa ngomdlalo weqakamba, ingakumbi ulawulo lwawo.

Ulawulo lwawo nawuphi ke umdlalo, ingakumbi ulawulo lwamaqela esizwe, luba nesigqeba esijongene nemicimbi ngemicimbi yokuzinza kweqela elo, kuquka nendlela eliqhuba ngayo kwimidlalo ngemidlalo elijongene nayo.

Umzekelo, kulo mdlalo weqakamba njengeminye imidlalo okanye imibutho, isigqeba esilawulayo siba nomongameli, isekela lakhe, oonobhala, oonongxowa, abalawuli bamasebe athile kumdlalo lo, njalo njalo.

Umongameli wesigqeba ke idla ngokuba nguye oxhuzula imikhala njengosihlalo wesi sigqeba. Nalapha kumbutho weqakamba eMzantsi Afrika ke, umongameli nosihlalo ngumhlekazi uChris Nenzani, nokhe wancediswa nguThabang Moroe njengomlawuli oyintloko.

Oku kuqondisiswa kwam malunga nalo mdlalo kuqala kanye kwimeko yaba bantakwethu bakhokeleyo kwesi sigqeba seqakamba.

Okokuqala, xa belikhe laqhuba kakuhle iqela leProteas kunyaka ophelileyo, ezi nkokheli zomgquba kwanamanye amalungu esigqeba akhokelayo, anconyiwe kunjalo nje aqhwatyelwa izandla ziingcali kwanabahlalutyi beqakamba.

Kuthe xa kufika amatyendyana adume ngokuthwaxa nokugibisela ibhola yeqakamba asuka kwizwe lamaNgesi kaVitoliya, izinto zaqala ukuba mandundu, izinto zajika kwakrakra kwayincindi yekhala.

Zavakala izikhalo zabathandi beqakamba, iingcali nabahlalutyi beqakamba, besithi into kaNenzani nekaMoroe maziwe, maziguzulwe kwaye mazihle ezihlalweni. Ngaphandle kwezityholo zokungaziphathi kakuhle eziye zibekho, ingaba ngenene ukuthwaxwa kweqela leeProteas ngabafana bamaNgesi nangamanye amaqela ngaphambili kunento yokwenza nezi nkokheli nesigqeba seqakamba ngokubanzi?

Ukuba ukho onolwazi oluthe vetshe, makancede andiqondisise. Makhe sigqithele kowona mba undikhwinisa kakhulu kangangokuba ndizive ndixuxuzelelwa sisisu, ndiphele ndiphathwa sisicaphucaphu, umba wamanye amalungu esigqeba seqakamba eMzantsi Afrika.

Kule meko yokungaqhubi kakuhle kweqela lamaProtiya kuvavanyo neNgilane, la malungu ngalawo akhuseleke kakhulu kangangokuba awanakuze achatshazelwe ligazi mhla kuxulutywa ngezithuko nangamatye ezigxeko ezijolise kuNenzani nakooMoroe abasele benyenjwa benyhamnywa ngoku sithethayo.

La malungu ke ngalawo anethamsanqa kwanoxanduva lokusebenza nabadlali ngqo. Bambi kubo babambe izikhundla zokuba ngabalawuli okanye abaqeqeshi bokuqhokra, ukugibisela kwanendlela abadlali abema ngayo ebaleni.

La malungu ke aquka amanye kumaqhawe ayengoompondozihlanjiwe kwakweli qela lamaProtiya, abafo abafana nooLance Klusner abajongene nokucebisa nokuqeqesha abaqhokri; uJacques Kallis ongumlawuli wesigqeba owongameleyo; Mark Boucher olisekela mqeqeshi; Vincent Barnes ojongene nabagibiseli; Justin Ontong nongumfana ontsundu, bambi bathi ongowebala ojongene nobuchwepheshe bendlela abadlali abama ngayo ebaleni, kunye noGraeme Smith ongumlawuli, nabanye abaliqela.

Ngaphandle kwamathandabuzo, igalelo lala madoda kumdlalo weqakamba, kusukela esengabadlali, ukuza kuma kweli nqanaba lokuba kwisigqeba seqakamba, liyancomeka kakhulu, nangani ke wona engabandakanywa kakhulu kuya phi kuhlaselo lwesigqeba xa amaProtiya engaqhubi kakuhle.

Okokugqibela, isikhalo sam sesibini, nesikhokelela ekubeni ndicele ukucaciselwa ndiqondisiswe ngokwakheka kwalo mdlalo weqakamba nezigqeba zawo, ngowokuba xa uqwalasela kumalungu esi sigqeba, ingakumbi abo babe ngabadlali ababebalasele kwiminyaka edlulileyo, alivakali igama likaMakhaya Ntini nelikaLonwabo Tsotsobe.

Omabini la madoda omzi kaNtu, amathole omgquba eentlanti zikaXhosa, awongwe kakhulu kwilizwe nakwihlabathi ngokubanzi ngesakhono sawo kumdlalo weqakamba.

Kwenzeka njani ukuba la madoda angalifumani ithuba lokukhokela njengabanye kwiqela lamaProtiya, ngoku eneembasa zokuba ngabadlali abachubekileyo belizwe nehlabathi ngokubanzi? Ayibakhwinisi na abanye abantu into yokuba isigqeba somdlalo welizwe elinabantu abaninzi abantsundu, sibe namalungu amaninzi asemzini ngaphezu kwala aphuma kwisininzi sabantu?

Ewe, niza kuthi ndiphethwe bubuhlanga, kodwa ingaba ingaze yenzeke into yokuba umzekelo eNgilane kubekho isigqeba seqakamba esinabantu abaninzi abantsundu kunabo bangamaNgesi ngemveli?

Inokuba ke ndim ndingxamile okanye kukuthanda kwam ukuhlonitshwa komntwana ontsundu kwizwe lakowabo, kunokwenzeka ukuba aba bantwana bakowethu baseza kungena kwesi sigqeba seqakamba.

Okhanyiselweyo kunam ngobume bomdlalo weqakamba eMzantsi Afrika, andali tu kwaphela ukuba angakhe andiqondisise ngalo mdlalo!