Khanindityebisele ngamagama eenkonzo!

Sihleli sothe imbawula kwingqele eqhaqhazelisa amazinyo phambi kwenqugwala lomzi kabawo uVusumzi Madlalaneenkonde Hlanganise kula ngingqi yeXholorha ekuMasipala weMahlathi.

Sixakekile njengesiqhelo sincokola ngomba otshisa ibunzi, umba weecawe okanye amabandla angookhatyw’esicithini aneenkokheli ezibizwa ngegama lasemzini elithi “pastor” okanye elo linentsingiselo yobuzali lithi “tata” kwabanye babo. Kule ngxoxo yethu sihlafune kakhulu ngokugquba kwentlondi eyenziwa kubantu abakhonza kwezo tyalike, kangangokuba abantu batyiswe izinambuzane, abanye kudlalwe ngabantu kunge kuvuswa umntu obhubhileyo kanti kuyaxokwa ilanga lihlabe umhlaba, kuthi kusenzeka konke oku, iinkokheli zala mabandla uzibone zisiya ziqhama, ziphuhla, zityeba zibe zizinhanha ezinamapomakazi ezindlu neemoto ezinkulu zaseJamani, eJapani naseTshayina.

Konke oku kusenzeka abakhonzi kwezo cawe bona besiya behlupheka ngokuhlupheka, bambi kubo ubabone belala ezitalatweni kuba kwezo nkokheli zala mabandla baphela benikezela ngayo yonke into abanayo.

Sise kuloo ngxoxo, qatha engqondweni yam umba wokuthiywa kweenkonzo ngokubanzi. Kaloku xa ungumthandi nomxabisi wolwimi, yonke into ejongela phantsi ulwimi lwakowenu ikutya nangoku sele ungangeni ndawo kuyo.

Kuthi kwakungaxatyiswa isiXhosa nempilo yobuXhosa, mna njengomthandi wobuzwe bam nohlanga lwakowethu, ndizive ndichukumiseka kabuhlungu emphefumlweni.

Into yokuqala ethe qatha engqondweni yam, kukuthiywa koninzi lwala mabandla matsha nasanda kuvuka kutsha njengolwimi lwasemzini. Ndizibuza ngelithi, kutheni xa onke amalungu ecawe engamaXhosa athetha isiXhosa, ethiya icawe leyo ngesiNgesi?

Lo mbuzo ulandelwe nayeminye eliqela, njengalowo uthi ingaba inkonzo ethiywa ngesiXhosa ayivakali ncam ukuba yinkonzo? Ukuba kunjalo, kutheni?

Ukuba iinkokheli zezi cawe zilandela ezinyaweni nasekhondweni labefundisi bakwaLizwi esikhula sibazi, kutheni zona zibizwa ngegama lasemzini elithi “pastor” okanye “spiritual father” endaweni yaloo magama ayesetyenziswa ngaphambili afana nomfundisi okanye unyawontle?

Lo mbuzo ke ukwayamene nombuzo ekukudala ndiwubuza kubalandeli benye yeenkonzo zemveli, ezibiza inkokheli yazo ngegama lasemzini elithi “father”.

Kweli nqanaba ke mna bendiye ndimangaliswe naxa ixhego esele litotoba lisimelela ngentonga libiza inkokheli engumfana ngalo “father”, oko kukuthi le nkokheli uyibiza njengotata okanye uyise ngoku ekwinqanaba lokuba nguyisemkhulu.

Kuthe kanye xa kufikelela kulo mba wezo tyalike zikwazezemveli, ndaphinda ndanemibuzo engenazimpendulo zinengqiniseko.

Kungoko zidwesha zakuthi lo mba ndiwandlala kuni, ukuze abo bachubeke ngaphezulu kunam bandirhabulise ukuze ndazi, ukuze ndithi ndakufumana ulwazi, nam ndityebisele umlisela nomthinjana wakowethu.

Ekubhaduleni kwengqondo ndiphinde ndavelelwa nangumba wokuba nezi cawe okanye iinkonzo zemveli, nazo zithe ngoku sele zinamalungu angamaXhosa, iinkokheli ezingamaXhosa kwaye zikwiindawo zamaXhosa, azawachila amagama azo awayefike nabefundisi bakwaLizwi ababeze kushumayeza ivangeli yobuKrestu, ukuze ngelo xesha umntu ontsundu akhethe kwaye ahloniphe inkolo yobuKrestu ukogqitha isiko lakhe, ubuntu bakhe, imveli yakhe, ukwayama kumanyange aphilayo nalele ukuthula, nakuvakalelo lwemveli lomoya wengqiqo yobuAfrika.

Makhe ndiveze nje imizekelo embalwa kwezi nkonzo ndithetha ngazo. IZiyoni ithiywe ngegama elithi Zion, gama elo liligama lelizwe lamaJuda.

ITshetshi isuka kwigama elithi Anglican Church, gama elo lisuka kwisenzi sesiNgesi esithi Anglicize, oko kuthetha ukuthi, guqula into okanye umntu abe nobuNgesi okanye abe njengeNgesi.

IDatshi isuka kwigama elithi Dutch, gama elo layamene namazwe abo babengamakoloniyali aseJamani naseHolani. Igama elithi Roma lisuka kwigama lesixeko sase-Ithali iRome, kwaye lowo uhamba kule nkonzo uye azibize ngelithi ungumRoma, oko kuthethe ukuthi ungowaseRome. Akho ke mawethu maninzi la magama eenkonzo ezithiywe ngesigama samazwe aseYurophu, kuquka nooRute, Presbyterian, Congregational, Baptist, Apostolic, Methodist njalo jalo.

Xa iityalike zama-Afrika zigxile kumagama aseNtshona, ingaba ngenene kwinkolo eziyilandelayo kugxilwe kwingqiqo yobuAfrika nanjengoko singama-Afrika ase-Afrika, okanye kugxilwe ekubeni kulandelwe inkolo enengxam yaseNtshona?

Ingaba iicawe neenkolo ezikhoyo ezinamagama aseAfrika zigxininisa kwinkolo nengqiqo yobuAfrika? Le nkolo igxile kumoya wovakalelo lobuAfrika, inkolo egxile kumasiko, kwizithethe nakubuntu bamaAfrika iya kuze ibhalwe nini, ukuze kuphume imiqulu enemigomo yobomi bomntu ntu, enokulandelwa efana neBhayibhile neKuran?

Nokuba siyavuma, nokuba sikhaba ngawo omane, ndiyifumanisa iyinyani into ethi esikweni kugquba umanyano nobunye, kodwa kwinkqubo yeenkonzo nokwahluka kwazo njengezi ndizikhankanye ngentla apha, kugquba iyantlukwano, ukhuphiswano nokungamanyani, nangona kukhonzwa kubhekiswa kuThixo omnye! Nindive kakuhle, andithi iinkonzo nenkolo yazo igwenxa, ndicamngca ndinxanelwe ukwazi ngenkqubo yazo kwanamagama azo asemzini.

Mawethu, khanindincede nindityebisele ukuba oku ndikukhankanya kweli binza ngokweenkonzo, kutheni kuhamba ngolu hlobo, ukuze ndazi, ndaneliseke, ndikholwe!