Khanindityebisele ngobuwele!

KULA ncwadi ka1925 iteketeke yimbali kaNtu ibhalwe ngubawo uSamuweli Edward Krune Mqhayi, nenesihloko esithi “Ityala lamawele,” lo mbhali usiba lugqwesileyo uvezela uhlanga ngentsindabadala yobukhulu phakathi kwamawele.

Uthi uWele xa emangalela iwele lakhe eligama linguBabini kuba efuna iwonga lokuba yinkulu, kufumaniseke kunzima ukohlula kumzi wakowethu, ukuba kanye kanye leliphi iwele elifumana iwonga lobukhulu phakathi kwelivele kuqala kunye nelo lifumene isiko lengqithi kuqala.

Umba wokuba yinkulu ngezenzo ngaphezu kokuzalwa, uyatshatshela kwiingxoxo ezisingathwe kwiKomkhulu lakwaZanzolo.

Kangangobunzima bokusumbulula le ngxaki yenkulu phakathi kwamawele, umbhali uthi kuphela kubhenelwa kumava eenkonde ezinamava ukuze zize nesisombululo.

Eneneni ke inkonde enguKhulile Majeke yaseNqabarha ilandiwe ngokomyalelo wekumkani ukuze ize kunika umkhombandlela, kodwa nokuza kwayo kwakuthenjwa kungathenjwa, kuba into enamawele phakathi ihlala inzima.

Kwakule ncwadi, iimbongi zomthonyama ziviwa ziphikisana xa zibonga lo kaMajeke uza kujongana neli tyala lamawele. Kuqala imbongi uBhukwana ibhomboloze ngelithi: “Ndaza ndalubon’uzwathi lwetyala! Kwasa saxhinkxa, kwasa safak’ithwathwa. Sezingaphi na ngok’ iinkunzi zalo mzi kaPhalo? Fuda sisithi nguHintsa akukho yimbi.”

Kulo mhlathi ungentla, uBhukwana ukhalazela ubunzima betyala lokubangwa kobukhulu phakathi kwamawele, ekwaveza nokungakholwa kwakhe kukuya kulandwa kwesilumko uMajeke, ekho ukumkani othenjiweyo uHintsa.

Yiva ke ngoku xa kungena enye imbongi enguNgaye, ivakalisa ukuyithemba inkonde yakwaMajeke isithi: “Hamba nto kaMajeke uzubuye kakuhle!

Ubekhe waphuthunyw’ uyihlo ngezolo akwabikho gxeke. Wena ungunyana wakhe, uzungabi nahlazo. Swazi olumaqhinaqhina lwakuloTokazi. Iintanga zakho kudala zakushiyayo. Yiyo loo nto sewulugag’ oluman’ukuqongqothwa, Yiyo loo nto sesiyibuza kuw’ imvelaphi yohlanga.”

Oku kuphikisana kweembongi, nezithathwa njengabantu abakwaziyo ukubona izinto zingekehli, ukubanesiphiwo sokutyhilelwa ngokuseza kwenzeka nokukwazi ukwakha intlalo, kwalatha indlela ekunzima ngayo ukuyiqonda ngokuchanekileyo nayiphi na into enokwenza namawele kuquka nenzala yamawele.

Kungoko kwesi sibhalo ndicela ukuncedwa njengesiqu nanjengentswelakuqonda, ukuba ndityhilelwe ngobomi bamawele, iingcambu zovakalelo lwamawele kunye neentsika zeengcinga nengqiqo kumawele.

Umzekelo, ndikhula ndisondezwe kakhulu ngoomalume bam abangamawele, uDumo Blacky Maki noDumisani Whitey Maki, oonyana bakaMpucuko noNobanzi, kula mhlaba wakwaMlungisi eCumakala.

Into eyayihlala indimangalisa ngaba malume bam, kukuba nokuba ndikunye nomnye phakathi kwabo, ukuba elinye iwele lisengxakini apho likhoyo, ubusiva ngeli ndikunye nalo lisithi umntakwethu usengxakini.

Ngoko nangoko, besisithi xa silanda ekhondweni sisiya apho likhoyo, sifike lisilwa lizijule ijacu, mhlawumbi lijongene nabantu ababini okanye abathathu, hayi ke eli ndihamba nalo lingabuzi nembangi, lisuke limbonzeleke kuliwe kube mdaka iisali.

Hayi ke ndothuka ndamangaliswa kusuku lokusweleka kukamalume uWhitey.

Kutsalwa umnxeba leli lingekho caleni kwakhe lisebenza eRhawutini uBlacky, lithi libethelwa luvalo kwaye lilunywa sisisu, ngokungathi kukho into embi eza kwenzeka kulo okanye kwiwele lakhe.

Eneneni ke kuse engekho umntakwabo ngenxa yesisu esingaziwa mntu imvelaphi yaso. Ingaba bethu iwele eli liliva njani elinye ukuba lisengxakini okanye kukho into elehlelayo okanye eza kulehlela nangona lingekho caleni kwalo?

Ndikwaphawule nokuba amawele la, kwanenzala yawo, athi ukuze angene okanye asondele ngokukhululekileyo elwandle, abe aphose imali ekhanyayo eziinkozo okanye angxengxeze, kungenjalo acele indlela yokuvunyelwa nguloo mlambo mkhulu ugqumayo.

Ukuba oku kungxengxeza kulityelwe ukwenziwa, ibakho ingxaki. Kukaninzi sisiva ukuba ulwandle luyalwa xa kusondela iwele kulo, kungenjalo ukuba iwele lingene kumanzi olwandle, lingade libe liyathwetyulwa lingaze libuye libonwe.

Ndothuke kakhulu naxa ndifumanisa ukuba nakwinzala yamawele, ukusondela okanye ukungena elwandle ngaphandle kokucela kwimizi yalapho, oku kuba nengxaki.

Mhla ndandihamba nenkosikazi yamaNgwevu uNtandoz nongumafungwashe wewele, sothuka kakhulu kukufumanisa ukuba ngokuhamba nje ngeenyawo kwintlabathi ekwinyele lolwandle, oko kuza kumjadula athi rhwelele ngamadyunguza ukusuka emadolweni ukuya ezinzwaneni.

Abaziyo bathi njengentombi yewele, bekumele acele indlela apho elwandle. Inokuba bethu ibangelwa yintoni le meko yobudlelwane obungebuhle ncam phakathi kwamawele, inzala yamawele nomlambo omkhulu ogqumayo?

Kutheni amawele nenzala yawo kunyanzeleka ukuba bacenge kakhulu phambi kokusondela elwandle?

Ndinethemba lokuba abaziyo nabawuchanayo umcimbi, bayakundityebisela!